Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukufumana, Ukulahlekelwa Nokuphinda Ufumane Ubumi
INKCAZELO:
Abemi boMzantsi Afrika banamalungelo athile abathi abo bangengobemi beli bangabi nawo. Umzekelo, ilungelo:
  • lokuvota
  • lokunikwa incwadana yokundwendwela
  • lokubuyela eMzantsi Afrika emva kokuhlala kwenye indawo.

Abantu abangengobemi kufuneka befumene imvume yokungena eMzantsi Afrika. Ukuba bafuna ukuhlala, kusafuneka futhi bafumane imvume yoko.

Ubumi bunokufunyanwa okanye bulahleke. Yaye abantu ababesakuba ngabemi bangaphinda babufumane ubumi babo belizwe.
IMIYALELO:
Isebe LemiCimbi Yekhaya lingakunceda:
  • ngokufumana ubumi bobuzwe bakho
  • ngokuba ngummi (ngokwendalo)
  • ukuphinda uzuze ubumi belizwe
  • ukulahla ubumi belizwe
  • ngokuba ngummi wamazwe amabini.
Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe ngezi nkonzo, ndwendwela I-website yeSebe Lemicimbi Yekhaya.
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lemicimbi Yekhaya (The Government of South Africa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uDisemba 2003
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo