| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Phambi kokuba ungene eMzantsi Afrika, kufuneka ube nencwadana yokundwendwela yexeshana). Kwizibuko lokungena, incwadana leyo iya kuthathwa ze wena unikwe iphepha-mvume lokuhlala kweli ixeshana elixela ukuba unokuhlala ixesha elingakanani yaye ngasiphi na isizathu. Kufuneka ufake izicelo ezixela izizathu zondwendwe lwakho, phambi kokuba uze kweli lizwe. Kukho iintlobo-ntlobo zeemvume, ezixhomekeka kwizizathu ezibangela ukuba ufune ukuza kweli lizwe:
Awuvumelekanga ukuba ufunde ngemvume yokuphangela, okanye uphangele ngeyokufunda. Awunakungena kweli lizwe de ufumane imvume encanyathiselwe kwincwadana yakho yokundwendwela, ngaphandle kokuba sele unayo imvume futhi ufuna ukuyitshintshela kwenye. Izicelo zeemvume zilawulwa nguMthetho Wokufudukela Kweli ka-2002. IIMVUME ZOKUPHANGELA Kukho iintlobo-ntlobo zeemvume zokuphangela:
Isebe eli liyazivumela izicelo zeemvume zokuphangela ezixhonywe ekubeni ukho na okanye hayi ummi weli onokufakwa kweso sithuba somsebenzi sikhoyo. Ukuba ukho, ambalwa amathuba okuba isicelo eso siphumelele. Isebe eli sele lizivumela izicelo zeemvume zokuphangela kwabasebenzi abangundoqo (umzekelo igosa lolawulo eliyintloko) yeenkampani zamanye amazwe ezirhweba eMzantsi Afrika. Umthetho Wokufudukela Kweli wazise ngendlela yeemvume zokusebenza ngezabelo. |
IMIYALELO: |
IIMVUME ZOKUPHANGELA Kufuneka ufake iphetshana lesicelo uBI-159 kummeli wozakuzo womzantsi Afrika kwilizwe osoloko uhlala kulo okanye ilizwe onencwadana yalo yokundwendwela.Ungasifaka isicelo nakwigqwetha okanye umthunywa waseMzantsi Afrika onamandla okukusebenzela njengegqwetha. Isicelo sakho kufuneka sikhatshwe:
Intlawulo yesicelo semvume yokuphangela ngasinye imalunga ne-US$186 yaye njengesiqhelo ithatha iiveki ezisibhozo ukuya kwezilishumi elinesibini. Izicelo zabasebenzi abangundoqo zona zithatha malunga neeveki ezimbini. Xa isicelo sakho sele sigqityiwe, impendulo ithunyelwa ngefeksi kubameli boMzantsi Afrika kwilizwe ofake isicelo ukulo. IIMVUME ZOKUFUNDA Kufuneka kuqala ufake isicelo sokwamkelwa njengomfundi kwiziko lemfundo ephakamileyo ofuna ukufunda kulo. Xa ufumana incwadi ethi usathathiwe, ungafaka isicelo semvume yokufunda. Kufuneka uye kumzi wozakuzo woMzantsi Afrika ufake isicelo sale mvume. Kuya kufuneka ukuba ugcwalise iphetshana lesicelo u-B1-159. Oku kufuneka kukhatshwe:
Ukuba isicelo sakho siyaphumelela, uya kunikwa isiqinisekiso sokundwendwela amaxesha amaninzi. Sinokuthatha ukuya kwiiveki ezisibhozo ukuba siphunyezwe. Awunakho ukungena eMzantsi Afrika de ube uyinikiwe le mvume. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lemicimbi Yekhaya (The Government of South Africa) |