Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
UMTSHATO/UKWAPHULWA KOMTSHATO
Cofa kwinkonzo leyo xa ufuna iinkcukacha ezipheleleyo.
Khangela Ubume Bakho Bomtshato
ISebe Lemicimbi Yekhaya laphehlelela ngokusesikweni inkonzo yekhompyutha yokuqinisekiswa kobume bomtshato njengengxenyeyePhulo Lokuqinisekisa Ubume Bakho Bomtshato elaphehlelelwa ngokusesikweni ekuqaleni kwenyanga yeThupha.Le nkonzo ivulelwe ukunceda ekuthinteleni nasekuvezeni iimeko apho abemi boMzantsi Afrika batshatiswa bengazi kubemi bamanye amazwe. Amaqabane la asuka kumanye amazwe asebenzisa umtshato ...  > 
Ukufaka Isicelo Sesiqinisekiso Somtshato
Xa utshata, unikwa isiqinisekiso somtshato esingahlawulelwayo. Ukuba ufuna ukufumana esinye isiqinisekiso somtshato ngosuku olusezayo, kufuneka:Kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-BI-13, Ulifake kwi-ofisi ekufutshane nawe yeSebe Lemicimbi yeKhaya, Unikezele intlawulo.  > 
Ukufumana Imvume Yokuba Utshate Xa Ungaphantsi Kobudala Obuvumelekileyo
Amakhwenkwe angaphantsi kwe-18 leminyaka ubudala kunye namantombazana angaphantsi kwe-15 ubudala abanakutshata ngaphandle kwemvume yabucala yaye nabani na ongaphantsi kwama-21eminyaka ubudala unokufumana imvume yabazali bakhe phambi kokuba abe uyatshata.  > 
Ukuqhawula Umtshato
Izibini ezitshatileyo zingawuphelisa umtshato ngokuthi ziwuqhawule. Oku kuphelisa umtshato yaye abantu abaqhawule banokutshata kwakhona ngokusemthethweni.  > 
Ukutshata
Umtshato kukumanyana komntu obhinqileyo nendoda njengomyeni nenkosikazi. Ngokweenkqubo zomthetho, ezenkolo nezoluntu ezayanyaniswa nomtshato, isibini esi sibonwa ngokusesikweni njengomyeni nenkosikazi kwindawo abahlala kuyo. Ngenxa yalo mtshato umlingane ngamnye ufumana amalungelo athile ze amkele nezibophelelo ezithile ngomlingane.  > 
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 14 uAgasti 2008
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo