Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukungcakaza Ngenkathalo
INKCAZELO:
Ukungcakaza yinto yamaxesha obumnandi nokuzonwabisa - kodwa ke abanye baphela bezinikela ze bangakwazi nokuphuma ekungcakazeni.Esona siphumo sibi sokungcakaza kukulahlekelwa yimali. Ukuba ubani unengxaki yokungcakaza yaye ulahlekelwa yimali eninzi kakhulu ngenxa yalo mkhwa, oku kunokukhokelela ekuntyumpa-ntyumpekeni, ekulahlekelweni yimpahla, ukuphelelwa tu yimali, ubuqhetseba, ubusela, ukuphelelwa ngumsebenzi okanye ukungaqhubi kakuhle emsebenzini, ukungazinzi kwengqondo, ze ekugqibeleni ibe kukuzibulala.
IMIYALELO:
Ukuba unexhala lokuba mhlawumbi unokuba unengxaki yokungcakaza, zama ukugcwalisa iphetshana elikwi-internet lokuzijongisisa.

Ukuba ufuna olunye ulwazi, qhagamshelana ne-National Responsible Gaming kule nombolo Yomnxeba Ingahlawulelwayo Yoncedo: 0800 006 008, okanye ukuba ukhetha ukuthumela incwadana yembalelwano nge-email, nantsi idilesi onokuyithumela kuyo:counsellor@responsiblegaming.co.za.

Zikwakho neenkonzo zoncedo neengcebiso kubantu abanengxaki yokungcakaza.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IBhodii yoNgcakazo yoMzantsi Afrika
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 5 uJulayi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo