Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
IKhalenda Yeziganeko Zoluntu kwiKhompyutha
INKCAZELO:
ISixeko saseKapa sinekhalenda ehlaziywa rhoqo kwikhompyutha , nequka ezi ndidi zilandelayo zeziganeko:
  • Imisebenzi yobugcisa nemidlalo yeqonga
  • Ukhuphiswano
  • Iimalike zemisebenzi yobugcisa
  • Ukonwatyiswa
  • Usapho
  • Ezempilo
  • Indlela yokuphila enempilo nenesiphiwo sokuyila
  • Iintlangano zobuhlobo
  • Ezenzululwazi nobuxhaka-xhaka Bobugcisa
  • Ezenkolo
  • Ezemidlalo.
IMIYALELO:
Esi sibonelelo sinikezelwa siSixeko saseKapa njengenkonzo engahlawulelwayo kwimibutho yoluntu ngaphakathi kuMmandla woLawulo lweNqila yeKapa. Ungaposa iinkcukacha malunga neziganeko zakho zonyuso lwengxowa-mali kwaye ziya kudweliswa kule khalenda.Ukufaka isiganeko esithile, kuya kufuneka ukuba ugcwalise iphetshana lesicelo ethile kuqhagamshelwano ngekhompyutha. Igosa lebhunga liya kuqinisekisa iinkcukacha malunga nesi siganeko size sidweliswe kuluhlu olukwikhalenda.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isixeko saseKapa
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uMatshi 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo