Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
iNkqubo Yophuhliso Lwamanina Akwezemidlalo
INKCAZELO:
Inkqubo Yophuhliso Lwamanina Akwezemidlalo ijolise ekwandiseni inxaxheba yamakhosikazi namantombazana kwiinthukumo zezemidlalo njengeembaleki, abaphathi, abaqeqeshi, abalawuli okanye amagosa ononophelo.

Le nkqubo ke ikwenza oku ngokuthi iqinisekise ukuba amaziko nezixhobo zezemidlalo ziyawavumela amanina ekubeni athabathe inxaxheba futhi iintshukumno zezemidlalo zibakho yaye namaphulo athe axhaswa ngezimali athi azame ukuquka amanina.

Elinye lamaphulo asaqhutywayo ale Nkqubo Yophuhliso Lwamanina Akwezemidlalo ijolise ekuvuselelweni komdlalo webhola yomnyazi, ingakumbi kwiingingqi ezisezilokishini. Le nkqubo ikho kuyo yonke iNtshona Koloni kwiingingqi ezifana neHeideveld, iKhayelitsha, iPiketberg, iPorterville, iZoar neKannaland.
IMIYALELO:
Ukuze ufumane Ezinye iinkcukacha ngeli phulo lomdlalo webhola yomnyazi, qhagamshelana

noShela Lekalakala
kule nombolo yomnxeba: 021 483 9630
slekalak@pgwc.gov.za.

Ukuze ulwazi nje oluphangaleleyo ngeli nyathelo Lophuhliso Lwamanina Akwezemidlalo, qhagamshelana:

noBennett Bailey
Inombolo Yomnxeba: 021 483 2607 or 2609
Inombolo Yomnxeba Wesinqe: 082 449 6630
Fax: 021 483 2608
bebailey@pgwc.gov.za

Okanye ke uqhagamshelane neyona ofisi yesithili ikufutshane nawe:

nguNico Mostert
iOfisi Yenqila Yommandla

nguDirk van der Westhuizen
iOfisi Yommandla we-Oudtshoorn

nguLisle Lombard
iOfisi Yommandla weBoland

ngu-André Enslin
iOfisi Yommandla Wonxweme Olusentshona
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Ezemidlalo Nokuzonwabisa (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uAgasti 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo