| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
ISebe lePhondo leeNkonzo Zoluntu Nokupheliswa Kwetlupheko incwadana nee-NPO ngezimali ngelixa iSebe leSizwe loPhuhliso Loluntu lona liqinisekisa ukuba zonke ii-NPO zibhalisiwe. UKUBHALISWA KWEMIBUTHO ENGAJONGE NGENISO Umbutho ongajonge ngeniso(NPO) ungabhaliswa kubalawuli beeNPO kwiSebe leSizwe Lophuhliso Loluntu. I-NPO ingayingxowa-mali, inkampani okanye nayiphi imbumba yabantu, ejonge ekunikezeleni ngeenkonzo kuluntu hayi njengombutho wabucala, futhi engasebenzi ngazinjongo zakuzuza ngeniso. (Ukungajongi ngeniso kuthetha ukuba -impahla okanye ingeniso yeNPO akuhlawulwa ngayo abaphathi bayo, ngaphandle kwaxa beyinikwa njengentlawulo yomsebenzi owenziweyo okanye iinkonzo ezinikezelweyo.) Iintlobo zee-NPO ziquka:
Kukho uthotho lwemibutho engajonge ngeniso esele ibhalisiwe eNtshona Koloni. Ukubhaliswa kwe-NPO akusosinyanzelo kodwa kukuzithandela. Ukubhalisa kuyenza iNPO izive iphila ngokusemthethweni, futhi izicelo zoncedo-mali, ezithunyelwa kurhulumente okanye eminye imibutho yenkxaso-mali, ingayinceda ngempumelelo loo NPO ukuba ibhalisiwe. Kungenjalo, ukubhaliswa kwe-NPO kuhamba nemisebenzi ekufuneka yenziwe yiloo-NPO, efana nokungenisa iinkcukacha zezimali zonyaka kwaneengxelo zezimali kuBalawuli, kwanokuhlonela indlela yokusebenza kakuhle. UNCEDO-MALI KWII-NPO ISebe leeNkonzo Zoluntu Nokupheliswa Kwentlupheko libonelela ngoncedo-mali kwanenkxaso-mali yeenkqubo kwii-NPO ezinikezela ngeenkonzo zentlalo-ntle eziphuhlisayo. Nayiphi na iNPO ingasifaka isicelo sale nkxaso-mali. I-NPO ikwindawo entle kwisicelo sayo sezimali ukuba iinkonzo zayo zihambelana noMgaqo-nkqubo Wophuhliso Lwentlalo-ntle Yoluntu weli Sebe. |
IMIYALELO: |
UKUBHALISA I-NPO Akuhlawuli nesenti ukubhalisa Inpo. Zii-NPO ezinemigaqo-siseko okanye nje ezinye iimpepha ezichaza izizathu zokusekwa kwaloo NPO kuphela ezinokubhaliswa. ISebe leSizwe likhuphe umzekelo womgaqo-siseko onokuysetyenziswa. Ukubhalisa iNPO, kufuneka ufake iphetshana lesicelo kunye neekopi ezimbini zeempepha zokusekwa kwe-NPO yakho (umgaqo-siseko okanye iphepha lezizathu zobukho baloo mbutho kwanamanqaku embumba yenu). Ezi zinto kufuneka zithunyelwe ngeposi kuphela: Kubalawuli: beMibutho Engajonge Ngeniso
Isicelo sokubhaliswa kwe-NPO yakho siya kuthabatha malunga neenyanga ezimbini. Kungenjalo, ekufunyanweni kwesicelo sakho, incwadana yembalelwano eqinisekisa ukuba sifunyenwe iya kuthunyelwa kuwe. Isiqinisekiso sokubhaliswa siyalandela ukuba isicelo eso sibe yimpumelelo. Ungakwazi ukufaka isibheno ukuba isicelo sakho asiphumelelanga. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Department of Social Development (Provincial Government of the Western Cape) |