Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
INkqubo Yokushishina NgezoKhenketho (TEP)
INKCAZELO:
INkqubo Yokushishina ngezoKhenketho (TEP) linyathelo lokuqala leNgxowa-mali yezoShishino. Le nkqubo izalisekiswa ziinkampani nabantu abaqeshelwe oko leli phondo.

Eyona njongo iphambili ye-TEP kukukhuthaza nokubhexesha ukukhula nokwanda kweshishini lezokhenketho. Incedisa abasebenzisi abakhulu, abazalisi-zimali, ii-SMME namaShishini awathi ngenxa yocalu-calulo lweli lizwe acinezeleka ekuphawulweni kothungelwano olunokwenzeka okanye amathuba ezoshishino. Kuye kurhwetywe oovimba ekwenzeni eli thuba ukuba libe yimpumelelo. Oku kuye kuquke ukuncedisa i-SMME ukuba ifumane iinkonzo ezisisigxina eziyimfuneko ezingezi zilandelayo:

  • Isiqinisekiso esisemgangathweni se-ISO/SABS
  • Imali yamatyala nezabelo zamashishini ezingenanzala imisiweyo
  • Isicwangciso esifanelekileyo soshishino
  • Ukupakisha
  • Iingcebiso zomthetho
  • Izidingo zobugcisai
  • urhwebo.

I-TEP ineNgxowa-mali yoQeqesho noNcedo kwiMisebenzi yezoBugcisa (i-TTAF) nethi isetyenziswe ngokwesiseko sokwabelana ngamaxabiso kunye neshishini.
IMIYALELO:
Iinkcukacha ezininzi ziyafumaneka kwiNcwadana yeNkxaso kumaShishini asakhulayo kwesi sikhundla sonxibelelwano- Small Business Support Booklet.Umntu onokuqhagamshelana naye eNtshona Koloni ngu-:
Shireen Parker
Inombolo yefowuni: 021 461 5735
Ifeksi : 021 461 5775
tep@africanequations.co.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
iCandelo Lophuhliso Lwezokhenketho (Department of Economic Development and Tourism, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 3 uFebruwari 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo