| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
![]() Ungabhalisa nokuba umtsha kweli shishini okanye imvume yakho yokusebenza kwakho sele iphelelwe lixesha. Phambi kokuba ube nokubhalisa, kufuneka ugqibe uqeqesho lwabakhokeli babakhenkethi, ngokuthi ulufumane kumbutho owaziwayo nothenjiweyo. Ukuba ungumkhokeli wabakhenkethi okanye ke wawusakuba ngumkhokeli wabakhenkethi weSATOUR ongekazibhailisi kule nkqubo intsha, kufuneka uqhagamshelane nomnye wabaqeqeshi/wabahloli abasemthethweni, oya kuthi akuvavanye. Ungathi ke emva koko uqhagamshelane neOfisi Yokubhaliswa Kwabakhokeli Babakhenkethi ekwiSebe Lophuhliso Loqoqosho likarhulumente wephondo leNtshona Koloni, ukuze aqukumbele ukubhaliswa kwakho njengomkhokeli wabakhenkethi osemthethweni. |
|
IMIYALELO: |
Nanga amanqanaba angundonqo kule nkqubo yokubhaliswa kwabakhokeli babakhenkethi apha eNtshona Koloni: Fumana uqeqesho lwabakhokeli babakhenkethi kuye namphi na umqeqshi owaziwayo nothenjiweyo. Uluhlu olupheleleyo Lwabaqeqeshi Nabavavanyi lungafumaneka kwiwebsite yeTHETA www.theta.org.za (Kwezokhenketho, Kwezononophelo Nokonga, Kwizifundo Zezemidlalo kwakunye nanjengoMqeqeshi) okanye ke ungabuza nakwi-Ofisi Yokubhaliswa Kwabakhokeli Babakhenkethi. Emva kokuqukunjelwa koqeqesho, kufuneka ubhalise kwiOfisi Yokubhaliswa Kwabakhokeli Babakhenketh ekwiSebe Lophuhliso Loqoqosho apho uya kunikwa inombolo yakho njengomkhokeli wabakhenkethi (yalapha eNtshona Koloni), ibheji yomkhokeli wabakhenkethi kwakunye nekhadi lokuzazisa.
I-Ofisi kaSozimali: Xa sele uqeqeshiwe, wavavanywa ze wabhalisa, kuya kufuneka uzithengise njengommkhokeli wabakhenkethi obhalisiweyo ngokuthi uqhagamshelane neenkampani ezithutha abakhenkethi ukuze zikuqeshe.
uNoxolo Ntenetya (onguMbhexeshi Obambeleyo: weCandelo Labakhokeli Babakhenkethi) Imibuzo enento yokwenza namakhadi okuzazisa okanye iibheji mayithunyelwe u-Anne Pedrito Imibuzo enento yokwenza nenkqubo yokuphinda kubhaliswe kwanezaziso zokutshintshwa kweedilesi okanye iinkcukacha zoqhagamshelwano, thetha noLinah Maqashu Imibuzo okanye izimvo ezinento yokwenza nephepha-ndaba lethu, ncokola noFerhaana Allie |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Tourist Guide Registration (Department of Economic Development and Tourism, Provincial Government of the Western Cape) |
