Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukufaka Isicelo Sephepha-mvume Lokundwendwela uMzantsi Afrika
INKCAZELO:
Abantu abaninzi abangengobemi boMzantsi Afrika abanqwenela ukundwendwela uMzantsi Afrika kufuneka babe nephepha-mvume lokundwendwela lexeshana elisebenzayo. Eli phepha-mvume lixela iinjongo kwanexesha eliza kuthatyathwa lolu ndwendwe.

IMIQATHANGO YOKUNGENA EMZANTSI AFRIKA

Phambi kokuba uvunyelwe ungene eMzantsi Afrika, kufuneka ube:

  • nencwadana yokundwendwela esebenzayo neyamkelekayo/iphetshana lokundwendwela elikuvumela ukuba uhlale kwelo lizwe ixesha ofuna ukulihlala
  • iphepha-mvume lexeshana elisebenzayo, ukuba liyafunwa
  • imali eyaneleyo
  • itikiti lokubuya / lokuhamba
  • isiqinisekiso sokugonyelwa icesina emthubi ukuba uhamba kwingingqi egqugqiswa yicesina emthubi okanye kuMzantsi Melika.

NGUBANI EKUFUNEKA EFAKE ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUNDWENDWELA LEXESHANA?

Abantu abangenazo iincwadana zokundwendwela zaseMzantsi Afrika kufuneka bafake izicelo zamaphepha-mvume okundwendwela exeshana. Oku kuquka abantu abafuna ukuza eMzantsi Afrika ukuza kutya ikhefu okanye abazele ushishino.

Kusenjalo abatyeleli abaneencwadana zokundwendwela zaseUnited Kingdom yeGreat Britain nezakuMntla Ireland (kuquka iZiqithi zeBrithani iBailiwick yeGuernsey kunye neJersey, iSiqithi saseMann neZithi zeVirgin, iRiphabhliki yase-Ireland kwakunye namaThanga aPhesheya KweeLwandle aseBrithani) abekho phantsi kolawulo lwamaphepha-mvume okundwendwela oMzantsi Afrika yaye abawadingi nangasiphi na isizathu.

Okunye, iindwendwe ezisuka kumazwe athile nazo aziwadingi amaphepha-mvume phantsi kwemiqathango ethile.

UNGASIFAKA PHI ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUNDWENDWELA LEXESHANA?

Kufuneka uququzelele iphetshana elivumela ukundwendwela lexeshana phambi kokuba ufike eMzantsi Afrika. Awunako ukufaka isicelo sokungena ixeshana xa sele ukumazibuko okungena eMzantsi Afrika.

Ukuba kukho ummeli wozakuzo okanye wabameli-lizwe kwilizwe lakho, kufuneka ufake isicelo sakho semvume yexeshana yokundwendwela apho.

Ukuba akukho nozakuzaku okanye mmeli woMzantsi Afrika kwilizwe lakho, ungasithumela isicelo sakho ku:
Mlawuli-Jikelele: WeMicimbi YeKhaya
Private Bag X152, Pretoria, 0001, South Africa

UKUGALELEKA EMZANTSI AFRIKA

Khumbula ukuba awunakukwazi ukufaka isicelo sokundwendwela xa sele ungenile eMzantsi Afrika.

Ukungena kwakho kwizibuko lokungena eMzantsi Afrika, umzekelo, KwiSikhululo SeeNqwelo-moya Samazwe ngamazwe saseRhawutini, uya kunikwa imvume yendawo yokuhlala yexeshana, eyakube ithatha indawo yephepha-mvume lokundwendwela lexeshana futhi ibeke nexesha oza kulihlala kweli lizwe.

Le mvume yendawo yokuhlala yexeshana kufuneka igcinwe isebenza yaye isicelo sokwandiswa u-BI- 159 sinokufakwa nakweyiphi na I-ofisi yengingqi okanye yesithili yeSebe Lemicimbi YezeKhaya Emzantsi.
IMIYALELO:
SIFAKWA NJANI ISICELO SEPHEPHA-MVUME LOKUNDWENDWELA LEXESHANA?
Ukufaka isicelo sephepha-mvume lokundwendwela lexeshana kufuneka:

Ukuba sifakiwe isicelo sephepha-mvume lokundwendela okwexeshana ngezoshishino, kusafuneka ubonise incwadi yesimemo esuka kulo nkampani yaseMzantsi Afrika uze kuyindwendwela, kwakunye nencwadi esuka kwinkampani oyisebenzelayo.

IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO
Ukufumana ezinye iinkcukacha ngendlela yokufaka isicelo sephepha-mvume lokundwendwela uMzantsi Afrika okwexeshana, qhagamshelana nommeli wozakuzo kwakunye nowabameli-lizwe woMzantsi Afrika okanye undwendwele I-website yeSebe LemiCimbi YezeKhaya elikufutshane nawe.
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lemicimbi Yekhaya (The Government of South Africa)
IXABISO:
Kukho I-R425, US$47 okanye I- €43 eyintlawulo yesicelo seendwendwe ezisuka kumazwe athile.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 20 uJulayi 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo