SIYINTONI ISIQINISEKISO SOKUGONYELWA ICESINA
Icesina eMthubi yintsholongwane eza nengcongconi i-Aedes ekhokelela ekufeni kumalunga nama- 25% amaxhoba ayo. Akukho lunyango luqingqiweyo lwayo, kodwa ugonyo lusebenza kakhulu.
Umthetho Wamazwe ngamazwe ufuna abahambi abanqumla imida yamazwe apho icesina emthubi isoloko ikho. Emva kokuba ugonyiwe uya kunikwa iSiqinisekiso Sokugonyelwa iCesina eMthubi.
Isiqinisekiso esi sisebenza kuphela emva kweentsuku ezilishumi emva kogonyo yaye sisebenze iminyaka elishumi emva koko.
Ukuba ubukhe wahamba-hamba kwingingqi yeCesina eMthubi kwiintsuku ezintandathu phambi kokuba ukhanuke ukundwendwela uMzantsi Afrika, kuya kufuneka ukuba ubonise Isiqinisekiso seCesina eMthubi xa ungena ilizwe eli.
KWENZEKA NTONI XA UNGENASO ESI SIQINISEKISO?
Ukuba ufika eMzantsi Afrika ngaphandle kwesiqinisekiso esibenzayo seCesina eMthubi, uya:
- kugcinwa phantsi koqwalaselo iintsuku ezintandathu ngentlawulo ephuma engxoweni yakho, okanye
- kugonyelwa iCesina eMthubi ngentlawulo ephuma engxoweni yakho.
Ukuba akukho Gosa leZibuko lezeMpilo kwindawo apho eli lizwe ulingenele khona, uyakwalelwa ukungena eMzantsi Afrika.