Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Izibonelelo Zotshintsho Lwemali Yamazwe Ngamazwe
INKCAZELO:

YINTONI ISIBONELELO SOKUTSHINTSHWA KWEMALI YAMAZWE NGAMAZWE?

Ibhanki enguVimba ilawula ijongane yonke imali eshiya ze ingene kweli lizwe. Ingxenye yale nkqubo yotshintsho kukuba xa usiya phesheya kweelwandle, ungatshintsha kuphela isixa esithile semali usenze sifane nemali yelo lizwe ulindwendwelayo.

SINGAKANANI ISIBONELELO SOKUTSHINTSHWA KWEMALI YAMAZWE NGAMAZWE?

Isibonelelo sokuhamba sonyaka ngamnye kubantu abakhulu nabantwana abangaphezu kwe-12 leminyaka ubudala yi-R160 000. Abantwana abangaphantsi kwe-12 leminyaka ubudala banikwa isixa-mali esiyi-R50 000 ngonyaka umntwana emnye.

Kwakusakubakho isibonelelo sokukhenketha nesoshishino ezahlukeneyo kodwa oko akusekho. Isibonelelo sonyaka sikho kuzo zonke iindidi zokuhamba-hamba ngonyaka ngamnye.

Izibonelelo ezi zisebenza kunyaka wekhalenda ukusukela ngomhla wo-1 kweyoMqungu ukuya kuma kowama-31 kweyoMnga. Isibonelelo sakho siqala ukusebenza ngomhla wokuhamba kwakho. Ukuba awusisebenzisi sonke isibonelelo sakho ngalo nyaka siphuma ngawo - awukwazi kunyukelwa zizibonelelo ukusukela kulo nyaka kuye komnye.

Ungasisebenzisa sonke isibonelelo sakho ngayo nayiphi na indlela oyithandayo, kuquka imali yelo zwe, ikhadi elifakwe imali onokuyisebenzisa, esuka ebhankini okanye iicheki zabatyeleli.

UNGASIFUMANA ISIBONELELO ESONGEZELELWEYO?

Ukuba I-R160 000 esisibonelelo ayiwanelanga unyaka, unokufaka isicelo kwiBhanki enguVimba kwisibonelelo esongezelelweyo.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uNovemba 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo