| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Izicelo Ezimalunga Nokusetyenziswa Kweendlela Zikawonkewonke
INKCAZELO: |
Uluntu lungafaka izicelo zokusebenzisa indlela zikawonkewonke ekwenzeni imicimbi yalo ofana nemidlalo. |
IMIYALELO: |
Kufuneka xa ubani eneenjongo zokusebenzisa enye yeendlela zephondo enze isicelo kwiCandelo loLawulo Mthetho leSebe leZothutho neMisebenzi yoLuntu. Kufuneka ufake incwadana yembalelwano yesicelo enazo zonke iinkcukacha zomcimbi lowo uza kwenziwa, oko ukwenze kwisithuba seenyanga ezintathu ngaphambi kokuba uqalise. Imiqathango okanye imilinganiselo iya kuxhomekeka ekubeni ngowaluhlobo luphi na umcimbi lowo. Ukufumana iinkcukacha ezizezinye dibana no:Coretha Matthee Inombolo yomnxeba: 021 483 2080 Inombolo yefeksi: 021 483 2357 cmatthee@pgwc.gov.za |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
IXABISO: |
Ngama-R70 umrhumo wolawulo, ndawonye nemirhumo yoncedo lwezithuthi.Indlela ehlelwe ngayo imirhumo eluncedo yezithuthi: Uncediso kweZothutho: R48.00 ngeyure kwigosa ngalinye Intlawulo ngokweKilomitha: R2,68 ngekhilomitha |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 24 uFebruwari 2004