Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukubhaliswa Kwabavelisi, Abathumeli-mpahla kweli Nabenzi beziThuthi
INKCAZELO:
Sonke isithuthi ezenziwe apha eMzantsi Afrika okanye eso senziwe kwelinye ilzwe ze sathunyelwa kweli kufuneka sibhaliswe ngaphambi kokuba sithunyelwe kwindawo yentengiso okanye sithengiswe.
IMIYALELO:
Ukuba ungumenzi weemoto okanye ungumthumeli weemoto kweli, kufuneka ufake iphetshana lesiceloelingu-MVR1-MIB kwi-ofisi ekubhaliswa kuyo izithuthi.Eli phetshana kufuneka lihambe kunye:
  • nesazisi somnini wesithuthi (ukuba isithuthi eso sithengwe phantsi kwesivumelwano sentengiselwano)
  • isazisi somnini wemoto
  • imali engummiselo ehlawulwayo
  • isiqinisekiso esikhutshwa ngumvelisi, umenzi zimoto okanye umthengisi ozizisa kweli:
    • inombolo yomzimba wemoto
    • inombolo yenjini
    • uhlobo lwemoto
    • igama lodidi lwayo
    • i-tare ngokweekilograms
    • ubukhulu benjini ngokweesentimitha zetyhubhiki
    • amandla apheleleyo enjini
    • owona mbala wayo
    • inombolo yedidi
  • isiqinisekiso samapolisa esingqina ukuba akukho kwhiniba likhoyo malunga nemoto le
  • isiqinisekiso sokuba iyilungele indlela.
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uMatshi 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo