Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
IZicelo zeNombolo Yokuthengisa iiMoto
INKCAZELO:
Abavelisi/abayili, abakhi nabo bazisa izithuthi kweli lizwe bangaziqhuba iimoto ezingabhaliswanga beziqhuba ngenombolo yokuthengisa izithuthi. Oku kuvumeleke kuphela:
  • kubathuthi beemoto ukuba bazise iimoto
  • umthengisi-moto xa ezizisa, ezithengisa, etshintshisa okanye elungisa isithuthi eso
  • umenzi-moto xa ezise isithuthi okanye ezivavanya
  • umzisi-moto welinye ilizwe ozise iimoto.
Umenzi-zimoto kufuneka enze isicelo sokufumana inombolo yokuthengisa isithuthi ze afune isiqinisekiso senombolo yokuthengisa izithuthi.
IMIYALELO:
Ukwenza isicelo sokufumana inombolo yokuthengisa izithuthi, kufuneka ufakeiphetshana lesicelo elingu- MTN 1 ehamba ne-:
  • nencwadana yakho yesazisi
  • Imali engummiselo ekhutshwayo
  • Nayiphi na imali esisohlwayo kwanosemva ngayo xa imali leyo ifike kade.

Kwisicelo sakho, kufuneka ubonise ukuba zingaphi na iinombolo zorhwebo zesithuthi ozifunayo utsho nokuba uzifunela ntoni na.

Ukufumana ezinye iinkcukacha, dibana no-:
Cape Gateway
Inombolo yomnxeba: 0860 142 142
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Imali engama-R 69.00 yokubhalisa
Imali engama-R 681.00 yephepha-mvume lokuqhuba (izithuthi)
Imali engama-R 138.00 yephepha-mvume lokuqhuba (isithuthuthu)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 10 uMeyi 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo