Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukubhaliswa KweeNqwelo-mafutha Kumaziko Ovavanyo Lwezithuthi
INKCAZELO:
Zonke izikhululo zokuhlola izithuthi kufuneka zibhaliswe zibekwe ngokomgangatho ngaphambi kokuba zifumane iziqinisekiso ezifanelekileyo zokuba zikulungele ukuba sendleleni.

Isicelo siya kwamkelwa kuphela xa isikhululo eso sisebenza ngokuhlola izithuthi sihlangabezana nomgangatho wobuchule nolwazi ofunekayo ngokommiselo weSABS 0216 ' Isikhululo Sovavanyo Lwezithuthi' kwanendlela yokuhlola nokuvavanya isithuthi kufuneka ihlangabezene nenkqubo yeSABS 047 'Ukukhangelwa kwemoto ukuba iyilungele na indlela'.

Ukuba isicelo eso sibe nempumelelo, ukubhaliswa kwesithuthi kufuneka kusoloko luvezwa ngalo lonke ixesha.
IMIYALELO:
Ukwenza isicelo sobhaliso kwiziko lokuhlola, kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo u-TS1 ze ulithumele kwiCandelo lezoLwulo Mthetho leSebe lezoThutho neMisebenzi yLuntu.

Kufuneka ube noku:

  • idiploma yomhloli wakho
  • isiqinisekiso sokubhaliswa kweshishinii.

Umhloli uya kutyelela iziko lokuhlola ze enze iziphakamiso aqinisekise nokuba iziko elo liyahlangabezana nemimiselo yeSABS.

Isiqinisekiso sobhaliso singakhutshwa emva koko.

Ukufumana ezinye iinkcukacha dibana no:
Carene Matthee
Inombolo yomnxeba: 021 483 2074
chmatthe@pgwc.gov.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Ngama-R300 imali yokubhalisa.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 23 uFebruwari 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo