Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Amaphepha-mvume Ezithuthi Ezithwala Imithwalo Enobungozi Nezinye Izithuthi
INKCAZELO:
Kufumeneka iphepha-mvume lesithuthi esithwala imithwalo enobungozi nezinye izithuthi. Imfuneko yamaphepha-mvume ixhomekeke kubukhulu nakubunjani bomthwalo lowo okanye isithuthi eso.Imimiselo yokwenza isicelo sephepha-mvume lokuthwala imiselwa kwiphepha-mvume ngokwalo kwaye kungabandakanywa noncedo lwezithuthi.
IMIYALELO:
Amaphepha-mvume okuthwala imithwalo enobungozi ayafumaneka kwiSebe leZothutho neMisebenzi yoLuntu, iCandelo lezoLawulo loMthetho. Izicelo umntu angazenzela yena ngokwakhe okanye adibane nomntu ocebisayo ngaphambi kokubetha kwentsimbi ye-12 emini emaqanda ngomhla owandulela ukuba isithuthi okanye umnthwalo ufuduswe. Izicelo ziya kuqwalaselwa ngosuku olulandelayo.

Umnini wephepha-mvume lokuthwala kufuneka anamathele kwimiqathango eyahlukahlukeneyo

Ukufumana ezinye iinkcukacha qhagamshelana
noCoretha Matthee
Tel: 021 483 2080
cmatthee@pgwc.gov.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Ubume beentlawulo kumaphepha-mvume ezithuthi ezingaqhelekanga nemithwalo engaqhelekanga.

Indlela ehlelwe ngayo imirhumo eluncedo yezithuthi:
Uncediso kwezoThutho: R48.00 ngeyure kwigosa ngalinye
Intlawulo ngokweKilomitha: R2,68 ngekilomitha ngesithuthi ngasinye
Intlawulo yeMini: 1,63 ngeyure nganye

Uqaphele ke ukuba imirhumo yoncedo yezithuthi iya kube ihlaziywe ekuhambeni kwexesha kwalapha ku-2003. kwakhona, imirhumo yoncedo iya kuxhomekeka ekubeni luluphi na uhlobo uncedo olufunekayo.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 17 uMeyi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo