Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukuhlola Isithuthi Ukuba Sikulungele Na Ukuba Sendleleni
INKCAZELO:
Isiqinisekiso sokulungela indlela kwesithuthi singafumaneka kuso nasiphi na isikhululo sokuvavanywa kwezithuthi sabucala okanye saseburhulumenteni.

Uvavanyo lokulungela indlela lujongana nale miba kwizithuthi:

  • umnini-sithuthi neempepha zoko
  • izixhobo zombane
  • izinto ezidingwayo sisithuthi kunye nezixhobo (eziquka izipili, amabhanti okhuseleko, njalo-njalo)
  • iziqhoboshi
  • amavili (kuquka nemeko yamatayala)
  • ukuqina nobunzima
  • ivili lokuqhuba
  • injini
  • isikhupha-moya omdaka
  • ukujika-jika nokuqhuba, izixhobo
  • amahla-ndinyuka esithuthi
Iphetshana lovavanyo olupheleleyo lokulungela indlela kwesithuthi liyafumaneka kwiPhepha-ndaba likaRhulumentelomhla wama-23 wenyanga yeNkanga apha ku-2005 (onombolo ingu-28227).
IMIYALELO:
Ukufumana iinkcukacha ezizezinye dibana no-
Carene Matthee
Inombolo Yomnxebai: 021 483 2074
chmatthe@pgwc.gov.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 14 uDisemba 2005
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo