Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Iinkcenkce Ezizodwa Zeenombolo-mibhalo Zeenqwelo-mafutha
INKCAZELO:
Abanini-zimoto bangafaka isicelo xa befuna amaphepha-mvume eenombolo-mbhalo abazithandayo.
IMIYALELO:
Izicelo zingafakwa ngqo kwiCandelo Lemicimbi Yendlela, okanye ke ungaqhagamshelana necandelo elijongene nokubhalisa iinqwelo-mafutha.

Ukuze ube nokufaka isicelo senombolo-mbhalo wenqwelo-mafutha ethandwe nguwe, kuya kufuneka ugcwalise ze ungenise iphetshana lesicelo kwi-SLN1, sikhatshwe yikopi yakho yencwadana yesazisi yaseMzantsi Afrika. Abafaki-zicelo abenzela amashishini abo kufuneka banikezele nangeSiqinisekiso Sokubhaliswa Kwicandelo Lezothutho (esinikezelwa licandelo elijongene nokubhaliswa kwezihuthi) okanye ke ikopi yeSiqinisekiso Sokubhaliswa Kweshishini elo (enikezelwa ngumbhexeshi wecandelo lokubhaliswa kwamashishini) kwakunye yencwadana yesazisi yaseMzantsi Afrika yommeli welo shishini. La maphetshana okufaka izicelo angathunyelwa ngeposi okanye ngefeksi kwicandelo elijongene neeNombolo-mibhalo kule dilesi:

PO Box 2603, eKapa, 8000
Kwigumbi 2-20, 9 kwiSitalato iDorp, eKapa, 8000
Inombolo Yefeksi: 021 483 2027

Usenakho kanti nokuziyela ngqo kwezi ofisi phakathi kwentsimbi ye-8.00 - no-12.15 am.

Izicelo ezithunyelwe ngefeksi ziphendulwa kwisithuba seeyure ezingamashumi amabini anesine zifikile. Ukuba isicelo eso siphunyeziwe, uya kuthunyelwa:

  • incwadana yembalwano echaza oko
  • incwadana ecela intlawulo.

Xa isiqinisekiso sentlawulo sele sifikile ze salungiswa, uya kunikwa:

  • incwadana yembalelwano ekugunyazisa ukuba ufumane loo nombolo-mbhalo
  • iphetshana lesicelo i-SNL2
  • isiqinisekiso se-PLN2 (senombolo-mbhalo wenqwelo-mafutha owodwa)
  • incwadana egunyazisa le ndawo iza kwenza loo nombolo-mbhalo ukuba iqhubekeke iyenze.

Kufuneka ke ubhalise isityhuthi eso sakho kwiziko lecandelo elijongene nokubhaliswa kwezithuthi. Le ncwadana igunyazisa ukunikwa kwakho le nombolo uyifunayo kwakunye nesiqinisekiso se-PLN2 zikuvumela ukuba ufumane isiqinisekiso sokubhaliswa nokulungela indlela kwesithuthi sakho usebenzisa kwale nombolo yakho ikhethekileyo. Ezi nkcenkce zeenombolo-mibhalo ezithandwe ngabanini-zo kufuneka zenziwe ngamashishini anegunya lokwenza oko.

Ukuze ukwazi ukugcina okanye udlulisele inombolo yakho eyodwa kwesinye isithuthi, ungathumela iphetshana lokufaka isicelo kwicandelo leenombolo-mibhalo zezithuthi. Iizicelo ezi kufuneka zikhatshwe yincwadana yesazisi yomfaki-sicelo lowo kwakunye Nesiqinisekiso Sokubhaliswa Kwicandelo Lezothutho okanye ke iSiqinisekiso Sokubhaliswa Kweshishini, leyo ifanelekileyo.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, ungaqhagamshelana neziko elamkela iminxeba leCape Gateway kule nombolo yomnxeba 0860 142 142.

Kuya kusetyenziswa imiqathango eyodwa ekusetyenzisweni kwezi nkcenkce zineenombolo ezizodwa.

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, nceda utyelele iwebsite yeWestern Cape Provincial Administration Personalised and Special Discrete Numbers apho ke:

  • unokukhangela khona ukuba inombolo ethile oyithandela inqwelo-mafutha yakho isafumaneka na
  • ngenisa iphetshana lokufaka isicelo elifumaneka kwi-internet.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Inombolo-mbhalo Yesithuthi Eyodwa Intlawulo Umzekelo
1 x igama okanye inani R10 000.00 1 - WP
B - WP
2 x amagama kunye/okanye amanani R6 000.00 11 - WP
1A - WP
AB - WP
3 x amagama kunye/okanye amanani R4 000.00 111 - WP
ABC - WP
Zonke ezinye, ukuya kumagama kunye/okanye amanani asixhenxe R1 750.00 JOHNNY2 - WP
RUN2ME - WP
3 x amanania noonobumba R10 000.00 CA 1
4 x amanani noonobumba R6 000.00 CA 11
CAW 1
6 x amanani noonobumba R2 000.00 CA 1111
CAW 111
Zonke ezinye R600.00 CA 123-456
CAW 12345
Intlawulo Yokubhalisa: R69.00
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 27 uJanuwari 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo