| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Amaphepha-mvume Okuqhuba
INKCAZELO: |
Umthetho umisela ukuba kufuneka imana ukuhlaziywa qho ngonyaka iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi sakho. Ngumsebenzi wakho wena njengomnini-sithuthi, kukuqinisekisa ukuba liyahlaziywa iphepha-mvume lakho lokuqhuba ngaphambi kokuba liphelelwe. Ukuba ngaba alihlaziywanga kuya kufuneka wohlwayiwe.Unikwa ixeshana ezlingangeentsuku ezingama-21 emva kokuba sele liphelile ixesha lokuhlaziya iphepha-mvume lokuqhuba apho uye uhlawule intlawulo eqhelekileyo yephepha-mvume lokuqhuba isithuthi kungafakwa sohlwayo. |
IMIYALELO: |
Ukusenzela iphepha-mvume lokuqhuba isithuthi sakho, , kufuneka uthumele iphetshana lesicelo elingu-ALV kwiziko elibhalisa izithuthi, uphathe kunye nesazisi sakho, imali engummiselo ekhutshwayo kunye neyazo naziphi na izohlwayo kwanemali esisemva ngayo isithuthi eso. Kungenjalo, ungeza naso nesaziso sokuhlaziya iphepha-mvume lokuqhuba (iphetshana lesicelo u-MVL2) ukuba unayo. Ezi zaziso zithunyelwa ngeposi qho ngenyanga kubo bonke abanini-zimoto esele lisondele ixesha lokuba lihlaziywe kwakhona iphepha-mvume lokuqhuba. Ukufumana enye ingcaciso, tsalela uMichael Gallant Kwicandelo lezoLawulo lobhaliso lwezithuthi kule nombolo 021 483 2058 okanye udibane neziko lobhaliso lwezithuthi elikufuphi nawe. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
IXABISO: |
Imali ehlawulelwa ilayisenisi ixhomekeke kubunzima besithuthi. |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 28 uMatshi 2006