| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Bonke abanini-zithuthi kufuneka babhalise izithuthi zabo njengoko kumiselweyo ngokusemthethweni. Ukubhaliswa kwesithuthi kuye kugcinwe kwi-National Traffic Information System (NaTIS).Luye lurhoxiswe ukubhaliswa kwesithuthyi:
|
IMIYALELO: |
Xa uthenga isithuthi kufuneka usibhalise egameni lakho kwisithuba seentsuku ezingama-21. Ukubhalisa isithuthi esitsha, kufuneka iphetshana lokubhalisa elingu-RLV kwiziko lobhaliso zithuthi, uphathe:
Kufuneka ube uyayazi inombolo yomzimba wesithuthi okanye eyenjini yesithuthi yakho. Ukubhalisa isithuthi ebesisesomnye umntu, kufuneka ufake iphetshana lokubhalisa elingu-RLV kwiziko lobhaliso lwezithuthi, uphathe:
Xa isithuthi sibhalisiwe isiqinisekiso sobhaliso siya kunikwa umnini waso. Ukuba isithuthi sakho siye safakelwa ilungu okanye sakhiwa ngokutsha, umzekelo safakelwa injini entsha, eso sithuthi kufuneka siphinde sibhaliswe kwakhona. Kule meko, kufuneka ufumane isiqinisekiso esingqina ukuba akukho nto igwenxa emapoliseni kwanesiqinisekiso sokuba isithuthi eso sikulungele ukuba sendleleni ngaphambi kokuba ube nokusibhalisa isithuthi sakho. Qaphela: Kukwakho nezinto ezizezinye ezifunekayo kwisithuthi ebesikhe asabhaliswa, ezongeza kwizinto ezifunwa kwindla-lifa yalowo ungasekhoyo, ukuthinjwa kwaso, ezifumaneke ngaphandle kwemida yoMzantsi Afrika okanye xa sasixeliwe ukuba sebiwa. Ukufumana iinkcukacha ezizezinye qhagamshelana noMichael Gallant wakwa Motor vehicle Administration kwa-021 483 2058 okanye udibane neziko lobhaliso lwezithuthi elikufuphi nawe. |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |
IXABISO: |
Imali Yokubhalisa: R69.00 Ukuba awusibhalisi isithuthi sakho kwisithuba seentsuku ezingama-21 usifumene, uya kohlwaywa. |