Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Izicelo Zamaphepha-mvume Okusebenza Ngokuthutha Uluntu
INKCAZELO:
Ngaphambo kokuba uthuthe abantu usenzela ukufumana inzuzo, kufuneka ube nalo iphepha-mvume lokuthutha uluntu.
IMIYALELO:
Amaphepha-mvume okusebenza Ngabantu afumaneka kwiBhodi yamaphepha-mvume Okuthutha Uluntu. Kufuneka ugcwalise iphetshana lesicelo ekufuneka lihambe
  • neenkcukacha zakho okanye zenkampani
  • uhlobo lwenkonzo yothutho loluntu
  • iinkcukacha zendlela oza kuhamba ngayo
  • iinkcukacha zesithuthi sakho.

Kufuneka utyikitye nesigqibo esifungelweyo esichaza ukuba awuzange wakha wachaphazeleka kwizenzo zobundlobongela okanye kumatyala amakhulu okanye wakha wabanjelwa ukubandakanyeka ekuphatheni izixhobo ezingekho mthethweni. Kukho intlawulo yezolawulo engama-R25 ekufuneka ihlawulwe.

Amaphepha-mvume okusebenza asebenza iminyaka emihlanu owona mlinganiselo mkhulu.

Ukuze ukulungele ukufumanaiphepha-mvume lokusebenza ngokuthutha uluntu, kufuneka ukhumbule ukuba kufuneka ube lilungu elipheleleyo lombutho woonoteksi obhalisiweyo. Umbutho woonoteksi ubhaliswa kuMphathi Wemiba Yeeteksi yePhondo.

Wakuba ulifumeneiphepha-mvume lokusebenza, kufuneka uliphathe uliveze xa igosa lendlela lifina ukuba wenjenjalo, kwaye kufuneka uncamathisele uphawu olwahlukileyo kwelomnye umbutho kwisithuthi sakho.

IBhodi YamaPhepha-mvume Okusebenza Ngokuthutha Uluntu yePhondo leNtshona Koloni

Goulburn Centre, Crn Goulburn and Voortrekker Roads, Goodwood
Private Bag X8, Goodwood, 7460
Inombolo yomnxeba: 021 592 4713/36/21
Inombolo yomnxeba: 021 592 4593

I-Ofisi yeeteksi yePhondo kunye noMphathi

Inombolo yomnxeba: 021 592 4721
Inombolo yefeksi: 021 591 6290
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Izithuthi Zoluntu (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Intlawulo yezolawulo engama- R25
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uFebruwari 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo