Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Amacwecwe Okupaka Abaqhubi Abakhubazekileyo
INKCAZELO:
Ukuba ukhubazekile, ungasifaka isicelo secwecwe lokupaka labaqhubi abakhubazekileyo kumaspala wakho. Eli cwecwe ke likuvumela ukuba upake kwiindawo zokupaka ezibekelwe bucala abaqhubi abakhubazekileyo yaye liyakukhupha wena kwimiqathango ethile yokupaka ngamaxesha athile.

Ukuze ube nokulifumana eli cwecwe lokupaka labaqhubi abakhubazekileyo, kufuneka ube nencwadana yembalelwano esuka kugqirha eiqinisekisa ukuba:

  • ukuhamba kwakho kukhubazeke ngenxa yesigulo somzimba okanye sengqondo esiqhubekekayo, okanye ke
  • ukuhamba kwakho kusakhubazeke okwexeshana kodwa kuphazamiseke kakhulu.

Abanye oorhulumente bamakhaya badinga ukuba ugqirha agcwalise icandelo ellithile leli phetshana lesicelo, ngoko ke eli phetshana kufuneka liye kulandwa kwangexesha. Nceda uqhagamshelane nesebe lezendlela elikufutshane nawe ukuze ufumane ingqiniseko yokuba uyayidinga na incwadi esuka kugqirha kusini na.

Ukuba uthi ufumane icwecwe lokupaka labaqhubi abakhubazekileyo, kufuneka uliveze ngokucacileyo kwifestile yangaphambili yesithuthi sakho.

Nceda uqonde ukuba eli cwecwe lokupaka labahubi abakhubazekileyo linikezelwa ngye nawuphi na urhulumente wekhaya linganganakanwa ngoko nangoko ngomnye urhulumente wekhaya.
IMIYALELO:
Ukuze ube nokufaka isicelo seli cwecwe, kuya kufuneka ungenise iphetshana lesicelo eligcwalisiweyo ndawonye:
  • nencwadana yakho yesazisi
  • incwadi yembalelwano esuka kugqirha
  • imifanekiso yencwadana yesazisi emibini
  • intlawulo efunwayo
IFUMANEKA KWI:
La mabakala amaziko:
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezothutho (The Government of South Africa)
IXABISO:
Intlawulo efunekayo ukuze umntu abe nokulifumana eli cwecwe lokupaka labaqhubi abakhubazekileyo ayilingani futhi ixhomekeka kuloo maspala. Qhagamshelana neSebe Lezendlela likaMaspala wakho okanye ke uqhagamshelane nolu luhlu lungezantsi apha:
eKapaR40
eStellenboschR30
eGeorgeR30
eKnysnaR30
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 14 uFebruwari 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo