Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukunikezela Ingxelo Ngemeko Yeendlela
INKCAZELO:
Zintathu iindidi zemigaqo: yeyesizwe, eyephondo neyedolophu. Ezi ndidi zemigaqo ke zakhiwa ze zigcinwe zilungele ukusebenza ngamaqumrhu ahlukeneyo.IMIGAQO YEPHONDO

Ukwakhiwa nokugcinwa kwesimo esilungele ukusetyenziswa kwemigaqo luxanduva lwecandelo leSebe Lezothutho Nemisebenzi Yoluntu iRoads Infrastructure.

Xa ufuna ukunikezela ingxelo ngemeko yemigaqo yephondo, ungatsalela kule nombolo yomnxeba 021 483 2011 okanye ke uqhagamshelane neOfisi Yemigaqo Yesithili okanye ke uthethe neNjineli Yemigaqo Yesithili.

IMIGAQO YESIZWE

Imigaqo yesizwe iphantsi kweliso leQumrhu Lemigaqo Yesizwe. Ukuze ufumane iinkcukacha ngemeko ekuyo ngalo eli xesha imigaqo yesizwe, cofa apha.

IMIGAQO YEDOLOPHU

Imigaqo yedolophuokanye kamaspala iluxanduva lwaloo maspala iphantsi kwakhe. Ukuze ufumane iinkcukacha ngemigaqo ekwiSixeko saseKapa, cofa apha.

IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 25 uMeyi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo