Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukufumana Ikopi yeNgxelo Yengozi
INKCAZELO:
Ukuba ngaba ufumene ingozi, kufuneka uyixele emapoliseni aya kuthi ke wona enze ingxelo ngayo. Kufuneka kwixesha elizayo uzifumane iinkcukacha ezimalunga nengozi okanye ikopi engeNgxelo yeNgozi oya kuyifuna ukukhangela ukuba ingxelo leyo yengozi igciniwe
  • kwiiNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika
  • Kumaspala
  • KwiSebe leZothutho neMisebenzi yoLuntu kusini na
IMIYALELO:
AbeeNkonzo zamaPolisa oMzantsi Afrika ngabo abagcina iingxelo malunga neengozi ezithe zehla kwanamatyala olwaphulo-mthetho asaphandwayo. Qhagamshelana nesikhululo samapolisa esikummandla lowo ithe yenzeka kuwo ingozi ukuze ufumane ezinye iinkcukacha.

Oomaspala ugcina zonke iingxelo ezimalunga neengozi ezenzeka kwindawo yabo xa kungekho tyala lalaphulo-mthetho liphandawayo.

Iingozi ezithe zehla kumandla wolawulo weSixeko saseKapa , ungaqhagamshelana:

Ifowuni: 021 400 4771 / 4773 / 4705
ifeksi: 021 400 4775
lisle.nel@capetown.gov.za

Zonke ezinye iingxelo ezimalunga neengozi zigcinwa liSebe lezoThutho neMisebenzi yakwaRhulumente. Ukufumana ezinye iinkcukacha dibana:

Sharon Stokes
Inombolo yomnxeba: 021 483 3488
Inombolo yomnxeba: 021 483 2102
sstokes@pgwc.gov.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
ULwenziwo lweeNdlela (Ezothutho Nemisebenzi Yoluntu, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
IXABISO:
Iikopi zeengxelo ezimalunga neengozi ezivela kwiZibonelelo zeeNdlela zeSixeko saseKapa zibiza i-R150.00.
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
IXABISO:
Iikopi zeengxelo ezimalunga neengozi ezivela kwiZibonelelo zeeNdlela zeSixeko saseKapa zibiza i-R150.00.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 18 uDisemba 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo