Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Iqondo likaMaspala
INKCAZELO:
Oomaspala banoxanduva lokubonelela ngeenkonzo ezingundoqo kuye nawuphi na ubani ohlala kwindaeo abalawula kuzo. Ezi nkonzo ziquka:
  • Ukubonelela ngamanzi
  • Ukulandwa nokulahlwa kwamanzi amdaka
  • Ukusuwa kwenkukuma
  • Ukubonelela ngombane nerhasi
  • Ukwakhiwa nokugcinwa kweendlela zikamaspaala
  • Ukuhanjiswa kwamanzi esaqhwithi
  • Ukukhanyiswa kwezitalato
  • Iindawo zikamaspala zokuzonwabisa nolonwabo.

Ukuze abe uyakwazi ukubonelela ngezi nkonzo, uMaspala uhlawulisa abahlali imali. Kukho iimali ezahlukeneyo zokuhlawulela iinkonzo zikaMaspala, eziquka:

  • ezempahla
  • ezamanzi
  • ezombane.

AMANZI NOMBANE

Ezi ntlawulo zixhomekeka ekubeni uwasebenzisa kangakanani amanzi nombane. Uya kufumana ingxelo yokuzisebenzisa kwakho ezi nkonzo nyanga zonke exela ukuba utyala malini.

Ngezinye iinkcukacha koku, qhagamshelana nomaspala wakho.

IINTLAWULO ZEMPAHLA

Iintlawulo zempahla:

  • ziirhafu zobunini bempahla (umhlaba nezakhiwo)
  • zisekelwe kwixabiso elilawulayo jikelele lalo mpahla
  • zisetyenziselwa ngoomaspala ukuncedisa ekuboneleleni ngeenkonzo ezahlukeneyo.

Iintlawulo zempahla zihlawulwa ngabanini bempahla yokwenene yeendidi zonke, kuquka eyoshishino, eyeenkampani, eyendawo yokuhlala, eyokulima nokufuya kwakunye nekarhulumente.

Iintlawulo zempahla zisekelwe kwixabiso likamaspala lempahla yakho. Iintlawulo zempahla zibekiwe, ziqokelelwe yaye zisetyenziswa kwidolophu yaloomaspala kuphela. Oku kuthetha ukuba ezi ntlawulo zahluka ngokweengingqi futhi imali eqokelelweyo isetyenziswa kwingingqi kamaspala wakho.

Ixabiso likamaspala lempahla yakho libalwa ngokuqwalaselwa kwexabiso elilawula jikelele lempahla efana naleyo yakho, eliquka umhlaba neempucuko. Izifundiswa ezizimeleyo kwezokubalwa kwamaxabiso ezibhalise kwiBhunga loMzantsi Afrika Labantu ababala Amaxabiso, ezinomsebenzi okukuqinisekisa ukuba yonke impahla inikwa ixabiso ngokungenamkhethe nangengqwalasela enkulu, zibala ze zikhuphe amaxabiso.

Emva kokuba impahla yakho ivavanyiwe, unokwenza olwakho uvavanyo ze ufake isibheno kweli xabiso linikezelweyo ukuba ucinga ukuba aliyifanelanga impahla yakho.

Ingxelo yakho yetyala leenkonzo ibonisa sonke isixa osidingayo ukuze uhlawulele unyaka wonke.
IMIYALELO:
Ukufumanisa ukuba iintlawulo zingakanani kwingingqi yakho yaye kuhlawulwa nini, phi, qhagamshelana nomaspala wakho.

Isebe lePhondo looRhulumente Beedolophu linoxanduva lokuncedisana noorhulumente beedolophu ekucaciseni nokusebenzisa imithetho elawula konkre oku.

Ukufumana iinkcukacha ezizezinye, unokuqhagamshelana no:
Mogamat Abrahams
Tel: 021 483 4509
moabraha@pgwc.gov.za
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 4 uJulayi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo