| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
URhulumente udize iinjongo zakhe zokubonelela ngeenkonzo zamanzi kunye nezombane ezingundoqo nezisimahla kubantu bonke. Kukwakho nenyathelo lokubonelela ngeenkonzo ezisimahla zococeko. Noxa esi isisigqibo esithathwe ngurhulumente wesizwe nje, amanzi, ezococeko nombane zibonelelwa ngoorhulumente beedolophu ngoko ke olona xanduva lokunikezela ngezi nkonzo lulele kumaspala wakho. AMANZI ASIMAHLA Kwinyanga yeKhala ngo-2001, malunga nezigidi ezingama-23 zabantu baseMzantsi Afrika bebesele befumana Amanzi Angundoqo Simahla. Eyona njongo kukubonelela amakhaya ahluphekileyo ngezibonelelelo ezingundoqo zeelitha ezingama-6 000 zamanzi akhuselekileyo ngenyanga simahla. Oku kunokwahluka ngokuxhomekeka koomaspala yaye kufuneka uqhagamshelane nomaspala wakho ngqo ukuze ufumanise ukuba kanye kanye la manzi asimahla angundoqo babonelela ngawo yintoni. Kulindeleke ukuba uwahlawulele amanzi asetyenziswe ukugqitha lawo usifumana simahla. Ukufumana ezinye iinkcukacha, qhagamshelana nomaspala wakho okanye uqhagamshelane no-: UMBANE OSIMAHLA Iinkonzo zombane ezisimahla zijoliswe ikakhulu kumakhaya ahluphekileyo. La makhaya aya kubonelelwa ngesixa esincinci sombane simahla kodwa ke kufuneka awuhlawulele nawuphi na umbane osetyenziswe ukugqitha lowo usisibonelelo esingundoqo nesisimahla. Isixa esisacetywayo sombane osimahla ngama-50kWh kwikhaya ngalinye ngenyanga ngokwendlela ye-grid. Esi sixa sombane sesona singundoqo sinokwanela ukukhanyisa, ukusebenzisa umobonwa-kude omncinci obonisa mnyama namhlophe kunye nonomathotholo omncinci, ukolulwa kwempahla nokubiliswa kwamanzi ngeketile yombane. Ama-50Wp ombane kuya kunikezelwa ngawo kwisibonelelo esingenziwa ngendlela ye-grid kuwo onke amakhaya aqhagamshelwe kwindlela esesikweni engeyiyo eye-grid. Abasebenzisi bombane abaneemitha zombane wamakhadi baya kuba nakho ukubona xa lowo usimahla sele bewugqibile futhi babe nakho nokuthenga omnye ngemali yabo. Abasebenzisi abaneemitha zombane ohlawulwa ngenyanga abayi kuba nakho ukubona lula xa sele bewusebenzise bawugqiba umbane wabo osimahla. Baya kutsalelwa imali yombane ogqithe kwisixa esisisibonelelo esisimahla ekupheleni kwenyanga. Umbane Ongundoqo Ofumaneka Simahla uya kuqala ukunikezelwa ngenyanga yeKhala ku-2003, emva kokuba ooMaspala befumene iimali zabo kwiSebe looRhulumente Bamaphondo Nabeedolophu. Ukufumana ezinye iinkcukacha, thetha nomspala wedolphu yakho okanye uqhagamshelane: EZOCOCEKO Kulandela ukubonela ngempumelelo ngenkqubo Yamanzi Angundoqo Simahla, iSebe leMicimbi Yamanzi Namahlathi kungoku nje likwinkqubo yokuphuhlisa Isicwangciso-qhinga Sesizwe Sezococeko Olungundoqo Simahla. Oku kwenziwa ngokwemikhomba-ndlela esuka kwiQela Lesizwe Elinikwe Uxanduva Lokujongana Namanzi Nococeko Olungundoqo Simahla, qela elo eslisihlalo walo uyi-SALGA ze umququzeleli ibe yi-DWAF. Injongo kukuphuhlisa isicwangciso-qhinga sesizwe esijonge zonke iinkalo, futhi esigaya ulwazi namava angummangaliso asuka kwicandelo lamanzi nococeko. Xa esi sicwangciso-qhinga sele sigqityiwe, abasemagunyeni kwiidolophu nababonelela ngeenkonzo zococeko baya kuqinisekiswa ukuba siyasebenza. |