| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
iSebe Lezolimo leNtshona Kapa linikezela ngothotho lwezifundo ezifutshane unyaka lo: Amacandelo anikezelwayo kwezi zifundo aquka:
|
IMIYALELO: |
Ezi zifundo ke zinikezelwa kuphela ukuba inani eliqingqiweyo labafundi lithe lafaka izicelo zokwamkelwa kwezi zifundo, ngokwesiqhelo eli nani liba sisibhozo ubuncinci ze ubukhulu libe ngamashumi amabini anesihlanu abafundi. Izifundo zinganikezelwa nakwenye indawo engesiso esi sikolo sase-Elsenburg ukuba izixhobo nezinye nje iimfuno ezifanelekileyo zikho. Kuye kubekho ke namanye amathuba oqeqesho emva kweli kwiifama okanye ke angenziwa amalungiselelo okuya kwezinye iindawo ngentlawulo ethile. Izixhobo zokufunda zifumaneka ngesiNgesi nesiBhulu, okanye ke ngolwimi oluthandwe nguloo mfundi uza kube ethabatha inxaxheba. Abafaki-zicelo abangathanda ukuzifumana ngolunye ulwimi ezi zifundo kuya kufuneka benze amalungiselelo okufumana umguquleli. Ezi zifundo ke zihambelana nemigangatho eqinisekiswe yavunywa yi-SAQA yelo candelo yaye abathabathi -nxaxheba bangavavanywa (okanye bafumane iimviwo) ngokomgangatho osetyenziswayo yokuvavanya. Aba bafundi bathabatha inxaxheba ke bayazithandela ukuba bavavanywe na okanye bangavavanywa. Abafundi abangavavanywayo, okanye abathi bangaluphumeleli uvavanyo, bathi bafumane Isiqinisekiso Sokuzimasa, ngelixa abo bathe baluphumelela uvavanyo bona bethiwa jize ngeZiqinisekiso Zokugqwesa bakusiqukumbela isifundo ngasinye. Aba ke bona bakwafumana namanqaku emigangatho yeli candelo enikezelwa zezi zifundo.Indlela yokubhalisela ezi zifundo u-Olivia Bosch Ubhaliso lwezi zifundo luvala kwiiveki ezimbini ngaphambi kokuqaliswa kwezifundo ezo. Abathabathi-nxaxheba bangazihlawula iintlawulo ezifunekayo ngqo kwi-akhawunti yebhanki yeli okanye ke kweli ziko loqeqesho ngethuba lokubhalisa. Ikopi yesiqinisekiso sentlawulo kufuneka ithunyelwe ngefeksi kule nombolo: u-Olivia Bosch Iziqinisekiso zabantu ababhalisileyo kwezi zifundo zithunyelwa kubathabathi-nxaxheba emva kokuba ifunyenwe intlawulo. Abathabathi-nxaxheba badinga iincwadana zabo zezazisi ngethuba lokubhalisa. Iintlawulo zezi Zifundo
Ezi ntlawulo ke ziquka iVAT yaye akukho zimbuyekezo ziya kunikezelwa kubantu abathi barhoxe kwisithuba seveki ngaphambi kosuku lokuqaliswa kwezi zifundo. Izixhobo Zokufunda ziyanikezelwa ke nazo. Iinkcukacha Zeentlawulo iSebe Lezolimo Isiqinisekiso sentlawulo kufuneka sibonise oku kulandelayo:
Iziqinisekiso zentlawulo kufuneka zithunyelwe ngefeksi kule nombolo: Ngemibuzo ephangaleleyo nangokubhalisela izifundo, qhagamshelana: ne-Elsenburg eGeorge e-Oudtshoorn eClanwilliam Xa unemibuzo ngezifundo ezithile, qhagamshelana nala macandelo alandelayo: iCandelo Leemveliso Zemifuno iCandelo Lezifundo Zemveliso Yemidiliya Nomnquma iCandelo Leemveliso Zeziqhamo iCandelo Animal Husbandry Ubunjineli Kwezolimo iNzululwazi Yezoluntu |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezolimo (The Government of South Africa) |