| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Indlela Yophuhliso Lwezakhono ijolise ekuboneleleni ngesikhokelo sokuphuhlisa nokufezekisa izicwangciso-maqhinga zamacandelo nezeendawo zempangelo zokuphucula izakhono zabasebenzi. Irhafu Yezakhono Zabasebenzi yingxenye yale nkqubo, rhafu leyo esisixa semali ekufuneka abaqeshi bayihlawule kwiSARS ngeenjongo zokuphuhlisa izakhono zabasebenzi babo. Iirhafu ezihlawulwa kwiSARS zifakwa kwingxowa-mali eyodwa. Ama-80% ale mali isuka kule ngxowa-mali isasazwa ngokuthi yahlulelwe Amaqumrhu Ajongene Noqeqesho Nemfundo Yabasebenzi (iiSETA ngamafuphi) ze ama-20% aseleyo adluliselwe kwiNgxaowa-mali Yesizwe Yezakhono. La maqumrhu anikezela ngeenkxaso-mali kubaqashi abathi baqashe Umntu oza kujongana Nophuhliso Lwezakhono kuqeqesho lwabasebenzi. Le Ngxowa-mali Yesizwe Yezakhono ixhasa nhgezimali amaphulo ajongene neenkqubo zophuhliso lwezakhono ezingaqhutywa zezi SETA. Umqeshi angafumana imbuyekezo efikelela kumashumi amahlanu ekhulwini nangaphezulu eerhafu ezihlawulwe yiSETA okanye yiNgxowa-mali Yesizwe Yezakhono ukuze loo mali isetyenziswe ekuqeqesheni nasekuphuhliseni izakhono zabasebenzi bakhe. Iqumrhu Lesizwe Elijongene Nezakhono nelibeka esweni ukufezekiswa Kwesicwangciso-qhinga Sesizwe Sophuhliso Lwezakhono. |
IMIYALELO: |
Njengomqeshi, kufuneka uhlawule irhafu yophuhliso lwezakhono rhoqo ngenyanga, ukuba:
YIMALINI EKUFUNEKA UYIHLAWULE? Kufuneka uhlawule ipesenti enye yemali epheleleyo ehlawulwa kwimivuzo yabaqeshwa (kuquka nentlawulo yexesha elongezelelweyo, intlawulo yekhefu, imali eyongezelelweyo, imali yesibonelelo kulowo ebenze umsebenzi kunye nentlawulo yezixa-mali). UHLAWULA NJANI? Ukuze uhlawule kufuneka ubhalise kwi-SARS uze uhlawule irhafu nyanga zonke. I-SARS iza kunika iifomu ezifanelekileyo ukuba uzizalise (ii-SDL 201 ezizifomu zokubuyiselwa). Irhafu kufuneka ihlawulwe kwi-SARS phambi kweentsuku ezisixhenxe emva kokuphela kwenyanga nganye. UYIFUMANA NJANI INKXASO-MALI YOPHUHLISO LWEZAKHONO? Ungayifumana imbuyekezo kwiSETA okanye ke kwigxowa-mali Yesizwe Yezakhono ukuze uyisebenzisele uqeqesho nophuhliso lwezakhono zabaqeshwa bakho. Ukuze ube ukulungele ukufumana iNkxaso-mali Yophuhliso Lwezakhono, kufuneka:
IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHELWANO Ukuze ube nokufumana ulwazi oluthe vetshe, qhagamshelana Nequmrhu Lesizwe Lezakhono kwiSebe Lemicimbi Yabasebenzi: Private Bag X9090, eKapa, 8001 |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezabasebenzi (The Government of South Africa) |