| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
ISebe Lezolimo linikezela ngengcaciso kwimisebenzi ngemisebenzi ekunokukhethwa kuyo kwiCandelo Lezolimo:
Eli Sebe likwakhuphela abantu abenza izifundo kwinkalo yezolimo uncedo-mali lokufunda: Zikwakho neenkcukacha ngohlobo ngalunye lwesifundo, isidanga kwanasetyana kwiCandelo Lezolimo: |
IMIYALELO: |
IINTLOBO ZEZIFUNDO KWIMFUNDO NOQEQESHO OLUQHUBEKEKAYO Uqeqesho kwezolimo nakwamanye amacandelo ezifundo asondeleyo, ngokwezifundo ezimfutshane neenkqubo zokufundela kwindawo yempangelo, ziyanikezelwa kwiKholeji Yezolimo iElsenburg. Ezi zifundo zijoliswe ikakhulu kumafama amatsha, asakhulayo, nawayesakuhleleleka, kwakunye nabasebenzi basezifama. Izifundo zinokwahluka ngobude bamaxesha anokuzithabatha, zisuka kusuku ziye kuma kwishumi elinesithathu leentsuku futhi ziquka imiba:
Abantu abazimasa izifundoezipheleleyo bafumana iSiqinisekiso Sokuzimasa. Abantu abafuna ukuvavanywa (ngokweemviwo) kufuneka batsho xa kuqinisekiswa ukungena kwizifundo ezi. Ukuba kuthe kwafunyaniswa ukuba umfundi othile ubonakalisa ulwazi nesakhono esingummangaliso kwezi mviwo, umfundi lowo uya kuthi athiwe jize ngeSiqinisekiso Sokugqiba ezi zifundo endaweni yeSiqinisekiso Sokuzimasa. Izifundo ziya kunikezelwa kuphela ukuba inani elifunekayo labafundi lithe lafaka izicelo zokuzimasa, ngokwesiqhelo ke eli nani lidla ngokuba sisibhozo sabafundi ubuncinci ze ubuninzi ibe ngamashumi amabini anesihlanu abafundi abafunekayo. Zonke izifundo zisenakho ukunikezelwa kude neKholeji Yezolimo yase-Elsenburg, kodwa ke zibe kanti zonke izixhobo namaziko okuqeqesha akho kuloo ndawo intsha. Amatyeli oqeqesho olulandela olokuqala nawongezelelweyo kwiifama nakwiziza angenzelwa amalungiselelo ngokuthi kuhlawulwe isixa esithile. Abafundi abazimasa ezi zifundo kufuneka babe neencwadana zabo zezazisi. Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana: Ukuze ufumane olona luhlu lwezifundo ezenziwe ngoku kwanamxesha ezifundo, tyelela iwebsite yase-Elsenberg. Iintlawulo Izifundo zase-Elsenburg zibiza amashumi asibhozo anesihlanu eerandi kumntu ngamnye ngosuku, kuquka nesidlo sasemini. Indawo yokuhlala e-Elsenberg (ukuba ikho) ibiza amanye amashumi amathathu anesihlanu eerandi ngosuku kumntu ngamnye futhi oko kuquka isidlo sakusasa nesangokuhlwa. Izifundo ezifumaneka nakwiingingqi ezisemaphandleni (ezo zingabanjelwa e-Elsenberg) zibiza amashumi amahlanu eerandi ngosuku kumntu ngamnye. Ezi zifundo zenzelwe umntu oqeshwe kwishishini lezolimo nonomdla ekwandiseni izifudo zakhe kwisifundo aza kuthi abe yingcali kuso. Le yinkqubo yokufunda ukuloo ndawo ukuyo enikezelwa kwinkqubo yokwenza uphando lwezolimo ngentsebenziswano nomncedisi nomcebisi kwishishini lezolimo. Inkqubo yeDiploma ibandakanya izifundo ezingundoqo nekufuneka zikho kuyo neso umntu aza kuzikhethela sona ze asijonge njengeso aza kuba yingcali yaso. Izifundo ezisisinyanzeliso ukuze umntu abe yingcali yazo nazi:
Abafundi bangazikhethela naziphi na kwizifundo abazithandileyo zenqanaba lokuqala njengezifundo abaza kuzithatha njengabaqhubekeka nazo, okanye ke bakhethe kwezo zoshishino kwezolimo zikhoyo, kuquka:
Izinto Ezifunwayo Ukuze Ube Nokwamkelwa Ubuncinci eyona nto ifunwayo kumfundi ukuze abe nokwamkelwa kwezi zifundo siSiqinisekiso Sezifundo Zolimo kwiNqanaba Eliphezulu okanye ke ezilingana nazo. Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe, qhagamshelana: okanye ke IKholeji yase-Elsenburg Amaphetshana okufaka izicelo ayafumaneka kwiwebsite ye-Elsenburg. Usuku lokuvalwa kwezicelo ngumhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yeDwarha. Iintlawulo Iintlawulo zezifundo: ngamawaka amahlanu eerandi IDIPLOMA KWEZOLIMO: KUBUGCISA BOKWENZA IIFATYI ZOKUGCINA IWAYINI ESAMFAXANGWAYO Le nkqubo yokwenza izifundo zobungcali kwezolimo ijoliswe kubenzi bewayini kwakunye nabo banomdla ekungeneni kwizifundo nemisebenzi esondeleyo kwishishini lewayini. Le nkqubo yezifundo inikezelwa kwindawo Yokuqeqeshela ukwenza iwayini yase-Elsenburg, apho abafundi bafumana khona izifundo ngeencwadi kwanoqeqesho apho abafundi bangena kanye ekwenzeni iwayini ngezandla zabo kwanezinye izakhono zokulawula amashishini enza iwayini. Izifundo ekunyanzeleke ukuba umfundi azenze zezi:
Izinto Ezifunwayo Ukuze Ube Nokwamkelwa Abafundi abangathanda ukufaka izicelo zokwamkelwa kwiDiploma Engobugcisa Bokwenza Iifatyi Zokugcina Iwayini Esamfaxangwayo kufuneka babe baphumelela naziphi na ezimbini kwezi zifundo zilandelayo kwiNqanaba leSiqinisekiso Senqanaba Eliphezulu:
Abafaki-zicelo kukwafuneka ukuba babe bagqiba ngempumelelo inkqubo yeSiqinisekiso Esikwinqanaba Eliphezulu Kwezolimo, babe babekhethe iViticulture neNzululwazi yeWayini, okanye ke mhlawumbi babe baphumlela izifundo ezikwinqanaba elilinganayo neli. Ngeenkcukacha ezizezinye, hlangana noStephan van der Merwe okanye ke kwiKholeji yase-Elsenburg Amaphethana okufaka izicelo ayafumaneka kwiwebsite ye-Elsenburg. Iintsuku Zokuvalwa
Iintlawulo Iintlawulo Zezifundo - lishumi lamawaka namakhulu asibhozo eerandi Ezi zifundo zithabatha iminyaka emithathu bekufuneka ziqale ngo-2004 ngokuthi ziqale zivunywe liBhunga Lemfundo Ephakamileyo futhi ziya kuthabatha indawo yeSiqinisekiso Senqanaba Eliphezulu Kwezolimo esasisa kubakho kweli candelo. Zijoliswe kumntu oceba ukulandela izifundo kwishishini elinento yokwenza nezolimo . Umfundi apha uxhotyiswa ngezakhono zokuvelisa, ezobugcisa nezolawulo ezidingekayo kumashishini anento yokwenza nezolimo. Esi sidanga siya kuquka izifundo ezingundoqo nezisisinyanzelo, ezo umfundi anokuzikhetha nezo athanda kuye ukuba azenze ekufuneka ziqoshelisiwe. Esi sidanga siza kwakhiwa ngendlela apho abafundi bangazokufunda ezolimo ezincwadini nje kuphela, koko baza kufumana nethuba lokusebenzisa izandla zabo belima, bemfaxanga futhi besenza yonke nje into eyenziwayo kweli shishini. Iinkcukacha Zoqhagamshelwano Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, qhagamshelana okanye iKholeji yase-Elsenburg Amaphetshana okufaka izicelo ayafumaneka kwiwebsite ye-Elsenburg. Usuku lokuvalwa kwezi zicelo ngumhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yeThupha. Iintlawulo Zezifundo Kunyaka Wokuqala: R5 890 INKQUBO YOQEQESHO LWABANTU ABASEBATSHA KWIZIFUNDO ZOLIMO le Nkqubo yeSidanga senqanaba leeMasters ithabatha iminyaka emithathu ijoliswe kwabo bantu babesakuhleleka nabafuna ukulandela izifundo ze basebenza kwicandelo Lezolimo.
Yintoni iNkqubo Yabafundi Abasebatsha? Ekupheleni kwale nkqubo, abathabathi-nxaxheba abaphumeleleyo baya:
Abona bathabathi-nxaxheba kule nkqubo yeYPP ngaba:
Abathabathi-nxaxheba baya kubandakanyeka kwinkqubo ekumila kuthile nethabatha iminyaka emithathu, eqala kwisiqingatha sesibini senyanga yoMqungu. Le nkqubo ingamabakala amabini. Elokuqala liquka uqeqesho olwenzelwa kwindawo yokusebenzela. Ibakala lesibini liquka iphulo apho umfundi ngamnye azenzela uphando oluzimeleyo ngokwakhe. Njengoko ke ibakala lesibini lisenzeka ngentsebenziswano neSebe elifanelekileyo lenye yeedyunivesithi zeli phondo, abagqatswa abaziphumelelayo zonke iimvavanyo baya kuthweswa iSidanga seMaster"s bakugqiba. Ngubani Oya Kuqwalaselelwa Ukwamkelwa Kule Nkqubo? Ukuze ube nokuqwalaselwa ukuze wamkelwe kule nkqubo yeYPP, kufuneka ube:
Nangona ingeyiyo enye yeemfuno, amalinge awodwa okubandakanya amanina kule nkqubo ayenziwa. Imibuzo kufuneka ithunyelwe: Izicelo kufuneka zithunyelwe: Izicelo kufuneka ukuba zibe sele zifunyenwe ekuqaleni kwenyanga yeDwarha. Abathabathi-nxaxheba kule nkqubo baya kufumana imivuzo encumisayo ngale minyaka mithathu bayichitha bezibandakanye nayo. Inkxaso-mali yokufunda ehlawula iindleko zokufunda kuloo dyunivesithi umfundi othile akuyo kweli phondo iyakufumaneka. Le nkqubo ikwanikezela ngamaziko nezixhobo zophando kwakunye nenkxaso-mali elingene nefanele olo phando. Umgqatswa ngamnye unoxanduva lokumelana neendleko zendawo yokuhlala nokuphila kwakhe. Emva kokuqukunjelwa kweli xesha loqeqesho, abathabathi-nxaxheba baya kuba phantsi kwembophelelo yesibhambathiso sokuqeshwa ubuncinci ixesha elilingana nelo bazibandakanye ngalo nale nkqubo ukuba kuthi kuvele isithuba somsebenzi kwicandelo loqeqesho umntu athe walufumana apho. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezolimo (The Government of South Africa) |