| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
IPhulo loKhusleko loKutya, i-FSP lineenjongo zokunika inkonzo yenkxaso kuphela kumaqela abantu abavela kwiindawo ezazifudula zisingelwe phantsi phambili phaya abanomnqweno wokuziqalela izitiya zabo. Eli phulo liya kuyinika inkxaso-mali yokuqalisa iprojekthi leyo yokusungula isitiya yabahlali okanye ke neprojekthi.ISebe lezoLimo liya kunika amaqela angama-20 inkxaso-mali rhoqo ngonyaka ngamnye, kule minyaka mithathu izayo, ngeenjongo zokuxhasa iPhulo loKhuseleko Lokutya. Eli phulo lifuna ikakhulu ukunika amaqela amakhosikazi nawolutsha inkxaso. Imali efumanekayo yokuqhuba iprojekthi nganye de iye kufika nakuma-R50,000, yaye ke loo projekthi kufuneka inamathele nca kule miqathango nezi mfuneko zichazwe ngezantsi apha. Olu ke luncedo-mali; asiyomali-mboleko, nto leyo ke ethetha ukuba imali abathe bayifumana abo bafaki bezicelo ze baphumelela kwezo zicelo akukho mfuneko yakuyibuyisa. |
IMIYALELO: |
Ikho ke imiqathango ebekwayo xa umntu efaka isicelo solu ncedo-mali:
Isicwangciso seprojekthi kufuneka ukuba sibandakanye nezi nkcukacha zilandelayo:
Izicelo zeeprojekthi ziya kuqwalaselwa kabini ngonyaka, ngoApreli nango-Augusti. Makuncedwe kuqatshelwe ukuba isicelo senkxaso-mali esenziwe kunyaka-mali othile samkelelwa unyaka-mali olandela lowo senziwe ngawo. Ukuze kufunyanwe inkcazelo eyenye, kungaqhagamshelwana naba bantu balandela ngezantsi apha. Kwezi ndawo:
qhagamshelana no: Kwezi ndawo:
qhagamshelana no:
Ban Saayman ngomnxeba kwa: 021 808 5100 |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Farmer Support and Development (Department of Agriculture, Provincial Government of the Western Cape) |
IPhulo loKhusleko loKutya, i-FSP lineenjongo zokunika inkonzo yenkxaso kuphela kumaqela abantu abavela kwiindawo ezazifudula zisingelwe phantsi phambili phaya abanomnqweno wokuziqalela izitiya zabo. Eli phulo liya kuyinika inkxaso-mali yokuqalisa iprojekthi leyo yokusungula isitiya yabahlali okanye ke neprojekthi.