| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
I -South African Bureau of Standards inoxanduva lokulawula amixabiso emithwalo kwakunye neenkonzo zoMzantsi Afrika. ICandlo leeNkonzo zoRhwebo linoxanduva lokunikezela ngeziqinisekiso zomgangatho okuqeqeshela imizi-mveliso eyahlukeneyo kuMzantsi Afrika jikelele. ICandelo Elimisela Imigangatho sinikezela ngemigangatho ekhulisa ukhuphiswano eMzantsi Afrika, yaye olunikezela isiseko sokhuseleko, sempilo, sokhuselo nakuyo yonke imiba yemeko yendalo engqongileyo. IZiko Lokufunda Ukuyila likhuthaza inzuzo ekuyileni ukuze yondle uphuhliso loqoqosho nezifundo ngolwazi lobugcisa eMzantsi Afrika. Eli Ziko lijolise kwimfundo yokuyila, yemizi-mveliso nolwazi, yaye liqukanisa inani elivisayo loyilo lweembasa kwakunye noshicilelo loyilo. ICandelo leMimiselo silawula mayela nama-70 eenkcukacha ezigunyaziswayo zomthetho ezihlanganisa umndilili wommandla ububanzi. Ezi nkcukacha zigunyazisiweyo yimilinganiselo yomthetho kwakunye nezidingo zokuqinisekisa ukuba imveliso eyenziwe ngaphakathi okanye engeniswe ngaphakathi eMzantsi Afrika okanye ekhutshelwe ngaphandle koMzantsi Afrika iyayenza na eyona migangatho mincinane yezempilo nokhuseleko nanjengoko imiselwe kowona mzi woMzantsi Afrika weMigangatho yeSizwe. |
IMIYALELO: |
Ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe qhagamshelana ne: IZiko Loyilo lweSABS Private Bag X191, Pretoria, 0001 ICandelo leMimiselo 1 Dr Lategan Road, Groenkloof, Pretoria ICandelo Elimisela Imigangatho Private Bag X191, Pretoria, 0001Inombolo Yomnxeba: 012 428 6666 Inombolo Yefeksi: 012 428 6928 Idilesi Ye-email: info@sabs.co.zaIdilesi Yewebsite : www.stansa.co.za |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
IQumrhu lemigangatho loMzantsi Afrika |