| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Iithenda zikaRhulumente Ezifumaneka Kwi-internet
INKCAZELO: |
Amaqumrhu karhulumente wesizwe, owephondo nowekhaya axhasa uthotho lwamashishini abucala ngokuthi awanike izibhambathiso zento yonke, ukususela kwiincwadi ukuya ekwakhiweni kwemigaqo. Ukuze ube nokuphumelela ithenda karhulumente, kuyakufuneka ungenise isicelo sethenda ebibhengeziwe. Okokuqala, kuyakufuneka wazi ukuba zeziphi na iithenda ezisavulelekileyo, okanye ezibhengezwayo. Uninzi lolu lwazi ke luyafumaneka kwi-internet: URHULUMENTE WESIZWE Ukuze ufumane ulwazi ngeethenda zikarhulumente wesizwe, zitsalele Amaxwebhu Eethenda aphuma ngeveki. La maxwebhu ke aqulethe iinkcukacha zazo zonke iithenda kuquka nosuku lokuvalwa, umntu omawuqhagamshelane naye xa unemibuzo nokuba ungazifaka phi na izicelo. URHULUMENTE WEPHONDO LENTSHONA KAPA Iithenda zikarhulumente wephondo leNtshona Kapa zifumaneka kwicandelo leethenda lale website, ehlaziywa rhoqo ngeveki. Ungakhangela kuwo onke amangenelo mhlawumbi ngokwebakala (umzekelo: ezonyango okanye izixhobo zeekhompyutha) okanye nangaliphi na igama eliphambili olikhethayo.
ISIXEKO SASEKAPA iSixeko saseKapa sipapasha zonke iithenda zaso ezisavulelekileyo kwiwebsite yeSixeko saseKapa. |
IMIYALELO: |
UKUBHALISA NJENGESHISHINI Nabani na angazifaka izicelo zeethenda zikarhulumente - kodwa ke ukuze ube nokutyikitya ithenda kaRhulumente Wephondo leNtshona Kapa kufuneka ube kanti ubhalisile kwisikhundla samashishini eNtsahona Kapa. Kubhaliswa simahla yaye urhulumente weli phondo kwakunye nesixeko saseKapa basebenzisa isikhundla esinye sokubhalisa ngoko ke kuyakufuneka ubhalise kube kanye kuphela. |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
|
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 8 uAgasti 2006