| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Inkxaso-mali zokufunda ezintathu ezixabisa I-R10 000 ziya kunikezelwa. Abafundi basemini nabasemva kwemini bangazifaka izicelo. Kubafundi basemva kwemini, esi sixa siya kwahlulwa kubini ze sihlawulwe kabini kwisithuba seminyaka emibini. Usuku lokuvalwa kwezicelo zale nkxaso-mali ngumhla wokuqala kwinyanga yeNkanga apha ku-2005. Abafaki-zicelo ke kufuneka:
|
|
IMIYALELO: |
INDLELA YOKUFAKA ISICELO: Gcwalisa iiphetshana lesicelo elinikezelweyo ze ulingenise, ndawonye nazo zonke iimpepha ezithe zakhankanywa kweli phetshana, ngomhla okanye ngaphambi komhla wokuvalwa (ongumhla wokuqala kwinyanga yeNkanga ku-2005). Bhala ke incwadana yesicelo apho uchaza uikuba eli xesha uza kube ufunda ngalo lingena ndawoni na kwizicwangciso zakho zempangelo, ze unikezele nombono wakho ngobume neenkonzo zeelwimi apha eNtshona Koloni. UKUFAKA ISICELO SAKHO Nceda uthumele izicelo zakho kwiphetshana lokufaka izicelo elinikezelweyo: Aamaphepha okufaka izicelo ayafumaneka kule dilesi ikhankanywe ngentla apha okanye angatsalwa apha. IINKCUKACHA ZOQHAGAMSHLEWANO Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, nceda uqhagamshelane:noMnu. Louis Nel Kule nombolo yomnxeba: 021 483 9681 lnel@pgwc.gov.za |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Inkcubeko Nobutyebi Bendalo (iSebe Lemicimbi Yenkcubeko Nemidlalo, uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |