| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
iSebe Lemfundo leNtshona Kapa linikezela ngeenkxaso-mali zokufunda kootitshala abanqwenela ukuqhubekeka nemfundo kwanokuphucula kuleyo sele benauo ngelixa beqhubekeka befundisa. Iimfuno zale Nkxaso-mali Yokufunda Ezi nkxaso-mali ke kootitshala abasele benezifundo ezingu-REQV 11, 12, 13 okanye u-14 abaqeshwe isigxina leli Sebe Lemfundo leNtshona Kapa. Inkxaso-mali le ihlawula izifundo neencwadi kulo naliphi na elinye lala macandelo ezifundo alandelayo athabatha iminyaka emibini:
Indawo Onokufunda Kuyo Izifundo zediploma ezi ke zona zenziwa kwiDyunivesithi yeNtshona Kapa okanye ke eCape Peninsula University of Technology. Izatifikethi zona zenziwa eCape Peninsula University of Technology (Izifundo Zobugcisa Bokusebenzisa Iikhompyutha, Ubuchule Nenkcubeko) okanye neDyunivesithi yaseStellenbosch (Inzululwazi Yehlabathi neNzululwazi Yobomi). Imiqathango Yokunikezelwa kwale Nkxaso-mali Iinkxaso-mali zokufunda ezi zinikezelwa phantsi komqathango wokuba umntu lowo uza kusbenzela eli sebe, ngamanye amazwi ke, kuya kufuneka uhlale usebenza apha kwiNtshona Kapa njengomfundisi-ntsapho isithuba seminyaka oxhaswe ngayo ngezimali leli sebe. |
IMIYALELO: |
Indlela Yokufaka Isicelo iSebe Lemfundo eli liya kuthumela incwadi yalo echaza yonke into ngale nkxaso-mali kwizikolo apho liya kube ligaya izicelo kootitshala abanokuba nomdla ngexesha elifanelekileyo. Iinkcukacha Ezithe Vetshe Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, tyelela iwebsite yeli Sebe apha http://hrd.wcape.school.za (cofa "Implementation and Management", ze uye "Kuqeqesho Emsebenzini, NPDE, ACE nakwiinkxaso-mali zokufunda Kubasebenzi Baseburhulumenteni") okanye ke uqhagamshelane noGavin de Bruyn jkule nombolo yomnxeba 021 467 2575, nantsi ke ne-e-mail gdebruyn@pgwc.gov.za. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
iSebe Lemfundo leNtshona Kapa (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |