| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
Iinkxaso-mali Zokufunda Izifundo Zezokhenketho
INKCAZELO: |
1. Zeziphi Iinkxaso-mali Ezinikezelwa nguRhulumente wePhondo Kwicandelo Lezokhenketho? iSebe Lophuhliso Loqoqosho Nezokhenketho linikezela ngokuphangaleleyo iinkxaso-mali zokufunda ezimbini, kuxhomekeke ke ekubeni ziyadingeka na izakhono enikezelelwa zona loo nkxaso-mali kweli phondo. Ezi nkxaso-mali ke zezi:
2. Ziintoni Ezihlawulayo le Nkxaso-mali Yokufunda? Inkxaso-mali yaseteknkoni ihlawula izifundo, ngelixa kwiDyunivesithi yaseStellenbosch, le nkxaso-mali ihlawula izifundo, iincwadi, izixhobo, indawo yokuhlala nokutya. 3. Ingaba kuya Kufuneka Ndiyibuyise okanye Ndisebenzele Ukuyibuyisa le Mali? Hayi. Ezi nkxaso-mali zyizizo ezo kufuneka uzibuyise ngokuphangela, yaye akukho nesenti ekufuneka uyibuyisile kuzo. 4. Ngubani Onokufaka Isicelo sale Nkxaso-mali Yokufunda? Ukuze ube nokufaka isicelo senye yezi nkxaso-mali zokufunda kufuneka:
|
IMIYALELO: |
Eli Sebe likhetha abafaki-zicelo kuluhlu lwabafundi ababhalisele ezo zifundo. Ngokwesiqhelo ke ukukhethwa kwaba bafaki-zicelo kwenziwa ngenyanga yoMdumba okanye yoKwindla yonyaka wokuqala wezi zifundo. Ukuba ucinga ukuba uyamelana nale miqathango ingentla apha yokufumana le nkxaso-mali, qhagamshelana ne-ofisi ejongana neenkxaso-mali zokufunda yeziko lemfundo okulo. 6. Ndingalufumana Phi Olunye Ulwazi? kwiSebe Lophuhliso Loqoqosho ezokhenketho u-Elton GordonInombolo Yomnxeba: 021 483 9136 elgordon@pgwc.gov.za |
IBONELELWA LISEBE:
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Department of Economic Development and Tourism (Provincial Government of the Western Cape) |
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 26 uMeyi 2006