| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
1. Zeziphi Iinkxaso-mali Zecandelo Lemicimbi Yendalo Engqongileyo & Nocwangciso Lophuhliso Ezinikezelwa Ngurhulumente weli Phondo? iSebe Lemicimbi Yendalo & Nocwangciso Lophuhliso linikezela ngeenkxaso-mali zokufunda isigxina ezifikelela kwisihlanu ngonyaka kumacandelo apho kusafuneka izakhono. Ngo-2006, umzekelo, kubekho iinkxaso-mali zokufunda kwicandelo locwangciso-zidolophu kwanezamagosa ajongana nendalo engqongileyo. 2. Ingaba Yintoni Ehlawulelwayo yile Nkxaso-mali Yokufunda? Zizifundo, iincwadi, indawo yokuhlala nokuhamba-hamba ngexesha lezi zifundo. Ezi nkxaso-mali ke zezokufunda kwelinye yeeteknioni okanye iidynvesithi ezaziwayo apha kwiNtshona Kapa Ukuba uthi utshone unyaka, kuya kufuneka uphinde ngemali yakho, ze emva kokuba uwuphumelele ke loo nyaka uzihlawulela ngawo, ibuyiswe le nkxaso-mali. Ungasifaka isicelo senye imali (yezixhobo umzekelo) ukuba ukunika isizathu soko. 3. Ingaba Kuya Kufuneka Ndiyibuyise okanye Ndisebenzele Ukuyibuyias le Nkxaso-mali? Ezi nkxaso-mali ke zinikezelwa phantsi kwemeko yokuba umxhaswa lo abe uza kuyibuyisa le mali ngokuthi asebenzele eli sebe, ngamanye amazwi ke, kuya kufuneka usebenze kweli phondo isithuba seminyaka elingana naleyo uxhaswe ngayo ngezimali. 4. Ngubani Onokufaka Isicelo sale Nkxaso-mali? Ukuze ube nokufaka isicelo senye yezi nkxaso-mali, kufuneka:
5. Ndingasifaka Njani Isicelo? Izicelo zovula malunga nenyanga yeDwarha kunyaka ongaphambi kwalowo uceba ukufunda kuwo. Izibhengezo ezazisa ngale nkxaso-mali ziya kuvela kumaphepha-ndaba eli phondo afana neDie Burger, iWeekend Argus kwakunye namanye amaphepha-ndaba asekuhlaleni. |
IMIYALELO: |
6. Ndingalufumana Phi Ulwazi Olupheleleyo? uLily MayerInombolo Yomnxeba: 021 483 2734 limeyer@pgwc.gov.za |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lemicimbi Yendalo Nocwangciso Lophuhliso (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa) |