| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
1. Ingaba Zeziphi Iinkxaso-mali Zokufunda liSebe Leenkonzo Zoluntu Nokuncitshiswa Kwentlupheko? iSebe Leenkonzo Zoluntu Nokuncitshiswa Kwentlupheko linikezela ngeenkxaso-mali zokufunda ezingamasghumi amane anesine kubafundi abaza kujongana nemfundo kuphela Kwezentlalo-ntle ngonyaka. Ezingamashumi amabini anesine kwezi zinikezelwa kubafundi abangamadoda abaza kwenza izifundo Zentlalo-ntle kuphela, ngelixa ezingamashumi amabini izdezokungenela izifundo Zophuhliso Loluntu yaye zikhutshwa liSebe lesizwe Lophuhliso Loluntu ngokubambisana neSETA Ejongene Nempilo Nentlalo-ntle. Ziintoni Ezihlawulelwa yile Nkxaso-mali Yokufunda? Iinkxaso-mali zokufunda ezinikezelwa kubafundi abangamadoda kwezentlalo-ntle zihlawula iimali zokubhalisa, eyokufunda, iincwadi kwakunye neentlawulo zeemviwo. Iinkxaso-mali kwizifundo Zophuhliso Loluntu zona zihlawula imali yokufunda, iincwadi ze, apho kufanelekileyo, nendawo yokuhlala. Ingaba Kuya Kufuneka Ndihlawule okanye Ndiphangelele Ukuyihlawula le Nkxaso-mali? Ezi nkxaso-mali zokufunda zinikezelwa phantsi komqathango wokuba lowo uyifumeneyo ayibuyise ngokuthi asebenze apha kwiNtshona Kapa njengonontlalo-ntle isithuba seminyaka elingana naleyo uyifumene ngayo le nkxaso-mali. Ingaba Zingasetyenziswa Kwawaphi Amaziko Ezi Nkxaso-mali Zokufunda? kwiDyunivesithi yaseKapa, iDyunivesithi yeNtshona Kapa, iCape Peninsula University of Technology, i-UNISA, neDyunivesithi yaseStellenbosch neHuguenot College. Ngubani Onokufaka Isicelo sale Nkxaso-mali? Ukuze ube nokufaka isicelo senye yezi nkxaso-mali zokufunda, kufuneka:
|
IMIYALELO: |
Ndingasifaka Njani Isicelo? Amahuba okufikelela kwiinkxaso-mali zokufunda akhutshwa njengezibhengezo kwiphepha-ndaba iSunday Times namanye asebenza kweli phondo, yaye iingxoxo ezinjongo ikukunikezela ulwazi zenziwa kumaziko emfundo ephakamileyo. Ndingalufumana Phi Olunye Ulwazi? kwiSebe Leenkonzo Zoluntu Nokuncitshiswa Kwentlupheko kuDebbie Calitz Amina Osman Inombolo Yomnxeba: 021 483 5763 |
IFUMANEKA KWI: |
La mabakala amaziko: |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Department of Social Development (Provincial Government of the Western Cape) |