Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Uncedo Ngezimali: Izipho-mali neeMali-mboleko Zokufunda
INKCAZELO:
Iintlobo ezahlukeneyo zoncedo-mali zivuleleke kubafundi abakumaziko emfundo ephakamileyo kwanabo basesezikolweni:
INXIWA LONCEDO-MALI LOKUFUNDA OLUSUKA KWISEBE LEZEMFUNDO LESIZWE

Isikhundla esigcina ulwazi esigqibeleleyo senkxaso-mali yokufunda kwimfundo ephakamileyo siyafumaneka kwisikhundla sonxibelelwano solutsha seMsobomvu.

Esi sikhundla solwazi siyaphendleka ngokwenqanaba lezifundo umntu anomdla kuzo yaye siquka nolwazi lokuba ngubani na onokufaka isicelo sale nkxaso-mali, iintsuku zokuvalwa kwezi zicelo.

IQHINGA LELIZWE LONCEDO-MALI YOKUFUNDA

I-National Student Financial Aid Scheme (NSFAS) ibonelela ngeemali-mboleko kubafundi bamaziko emfundo ephakamileyo abafuna ukufunda kwiidyunivesithi neeteknikoni zikarhulumente. Ukuya kuma-40% email-mboleko leyo ayakususwa, oko kukuthi kungadingeki ukuba zihlawulwe ngumfundi, ukuba umfundi lowo uthi aphumelele ngokwaneleyo kwizifundo zakhe.

Ungasifaka isicelo soncedo lwe-NSFAS kwiZiko Loncedo-Mali ledyunivesithi okanye leteknikoni.

Ama-R500 ezigidi aya kunikwa iScheme esi kunyaka-mali u-2002/03, ama-R470 ezigi0di kunyaka-mali u-2003/04 kwakunye ze ibe ngama-R498 ezigidi kwiminyaka u-2004/05. Isixa esi sehla sisenyuka njengoko sixhomekeke kwezinye iimali ezivuleleke kwesi-Scheme, oko kuquka neemali ezisuka kubanikeli, imali ehlawulwa ngabafundi bakuba begqibile ukufunda kwakunye nenzala esuka kurhwebo.
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Lezemfundo (The Government of South Africa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uJuni 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo