| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Umaspala unoxanduva lokujongana nokulawula ukungcoliswa kwendalo, ukungcoliswa kweelwandle kwakunye nokuchithwa kwamachiza emizi-mveliso kule ngingqi. UKUNGCOLISWA KOMOYA iSixeko saseKapa sijongana Nomgangatho Womoya ze sithelekise iziphumo zezifundo zamihla le nezikhokelo ezamkelwa kwihlabathi jikelele. Esi sixeko sibonelela ngenkonzo ngezifundo zomgangatho womoya esizikhupha kwi-internet ezithi zinikezele ngeenkcukacha zexesha lokwenene kwakunye nezishankathelo zosuku olungaphambili. Iingxelo zenyanga kwakunye neengxelo zeentshkumo zonyaka (apho amanqanaba okungcoliswa agqithisayo kwizikhokelo ezamkelekileyo) nazo ziyafumaneka. Ungafikelela kwezi nkcukacha ngokuthi usebenzise iwebsite yeSixeko saseKapa. Usenakho kanti nokuqhagamshelana neZiko Elijongene Nomgangatho Womoya kule nombolo yomnxeba 021 930 4821. UKUNGCOLISWA KWEELWANDLE Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha okanye ukuze ufake isikhalazo, qhagamshelana nathi kule nombolo 021 402 3911. Izikhalazo ngokuchitheka kwe-oli zinganikezelwa kule nombolo yomnxeba 021 703 813 okanye ke kule 021 703 5864. Ukuze unikezele ingxelo ngemeko engxamisekileyo emva kwexesha lomsebenzi tsalela le nombolo 021 703 3070 or 021 703 8313. UKUCHITHEKA KWAMACHIZA APHUMA KWIMIZI-MVELISO Xa ufuna ukunikezela ingxelo ngokuchithakala kwamachiza aphuma kwimizi-mveliso, machiza law afana neencindi nepetrol, kwisixeko saseKapa, tsalela le nombolo 083 629 4281. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isixeko saseKapa |