Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Ukukhusela Imveliso Yengqondo
INKCAZELO:
Xa ishishini libonakalisa ukuphila kombono walo, kwenkqubo, igama okanye imveliso, lingalikhusela eli xabiso ze lithintele nabanye abantu ekubeni bafumane iinzuzo zemali ndawo ngokuthi libhalise lo mbono njengelungelo layo eliyimveliso yeengcinga.

Ziluthotho iintlobo zemveliso yengqondo:

UKUBHALISWA KWEGAMA

Ukubhaliswa kwegama kwenzelwa ukukhusela igama leshishini elo, umzekelo, uphawu loshishino. Xa sele ulibhalsile igama akukho namnye umntu onokulisebenzisa okanye asebenzise uphawu oluyeleleneyo kakhulu kulo.

Iwebsite yeCIPRO iqulethe ulwazi olupheleleyo ngokubhaliswa kwegama leshishini, lwazi olo luqulethe iinkcukacha:

Ukukhusela Imveliso Yengqondo yakho: 21517

UKUBHALISWA KOBUCHULE

Ungayibhalias imveliso yakho yobuchule ngeenjongo zokuthintela abanye abantu ekubeni bakope loo ndlela uyenze ngayo, ukumila kwayo, inkangeleko, uhlobo, ukudalwa okanye ukubunjwa kwaloo mveliso.

Iinkcukacha ngeemveliso ezinokubhaliswa nokuba ungayibhalisa njani na imveliso yakho ziyafumaneka kwiwebsite yeCIPRO.

UKUBHALISWA KWEMVELISO

Ungayibhalisa imveliso yakho ukuthintela abanye abantu ekubeni baphinde bayivelise njengeyabo. Le ke ingayimveliso eveliswe ngobuchule obukhulu, inkqubo entsha okanye indlela entsha yokusombulula iingxaki ezilkumila kuthila. Ukuthintela ukuphinda kuveliswe imveliso yakho kuthetha ukuba loo mveliso ayinakuphinda iveliswe, isetyenziswe, isasazwe okanye ithengiswe ngeenjongo zokufumana iinzuzo zemali ngaphandle kokufumana imvume yomnini-yo.

Iinkcukacha ezigcweleyo ngokuba uyibhalisa njani na imveliso yakho nokuba ungalufumana njani uncedo ekubhaliseni le mveliso luyafumaneka kwiwebsite yeCIPRO.

IMVELISO YENGQONDO

Xa ubhale incwadi, wenze umzobo, waqamba ingonyana, wabhala inkqubo yekhompyutha okanye wenze umboniso-bhanya-bhanya okanye wenze ze ugcine amazwi omdlalo kwikhamera, sele unelungelo kuloo msebenzi njengemveliso yengqondo yakho.

Imveliso yengqondo iba kuphela kwimeko apho umsebenzi lowo ubhalwe phantsi okanye ugcinwe kwizixhobo zokugcina iimveliso zelizwi. Iimbono nje ezisemntwini azinakuthatyathwa njengemveliso yengqondo yakhe emazikhuselwe ekuphindeni zivelisweni ngabanye abantu

Ukuze ke ufumane ezinye iinkcukacha kumba wokubiwa kwemveliso yengqondo, tyelela iwebsite yeCIPRO .
IMIYALELO:
Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha, tyelela iwebsite yeCIPRO okanye ke uqhagamshelane neCIPRO:kwiZiko Elamkela Iminxeba: 0861 843 384
Iminxeba Esuka Ngaphandle Kwemida yeli Lizwe: +27 11 254 9405
PO Box 429, ePitoli, 0001
Kwisakhiwo seZANZA, kwa-116 kwiSitalato iProes, ePitoli, 0002
IBONELELWA LISEBE:
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
Isebe Leentengiso Norhwebo (The Government of South Africa)
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 19 uJulayi 2006
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo