| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Ungayihlaziya ibhokisi yakho yeposi rhoqo ngonyaka okanye yeposi yabucala oyiqeshayo ngokusebenzisa indlela ekhuselekileyo yokuhlawula ye-Ofisi Yeposi yoMzantsi Afrika kwi-internet. Usenakho kanti:
|
IMIYALELO: |
i-Ofisi Yeposi yoMzantsi Afrika inoxanduva olusuka eluntwini lokuba inike ikhaya ngalinye idilesi. Okwangoku le ofisi ithumela malunga neepasile ezizizigidi ezintandathu ngosuku kwizitalato ezimalunga nezigidi ezintathu namakhulu amahlanu amawaka neebhokisi zeposi ezimalunga nezigidi ezimbini kwilizwe ngokubanziUmgaqo-nkqubo wale Ofisi Yeposi wokuthumela iipasile okwangoku uthi zonke iidilesi zokuqala zeposi zinikezelwa simahla eluntwini - kuquka amafama nabanini bamashishini asakhasayo. Oku kulandelayo kuthatyathwa njengeedilesi zokuqala:
Ezi meko zilandelayo zithatyatha njengedilesi yesibini yeposi:
Ukuqeshwa kweebhokisi zeposi kuqala ngomhla wokuqala kwinyanga yoMqungu kuye kuma ngomhla wamashumi amathathu ananye kweyoMnga kunyaka ngamnye yaye kufuneka kuhlawulelwe ngaphambi komhla wamashumi amathathu ananye kwakule nyanga yoMnga. Ingxenye yekota yonyaka ithatyathwa njengekota epheleleyo yonyaka. Xa kuqeshwa ibhokisi, umqeshi lowo uye anikwe izitshixo ezimbini emva kokuba ekhuphe intlawulo yokuqala yezitshixo kwakunye nentlawulo yokuqesha (ukuba kuyimfuneko oko). Le ntlawulo yokuqala yezitshixo iyabuyiswa emva kokurhoxiswa kwale nkonzo ze nezitshixo zabuyiselwa kumphathi-posi. Ukuba isitshixo esithile sithe salahleka, kufuneka kuxelelwe umphathi-posi ngoko nangoko ukuze kufakelwe izixhobo sokutshixa esitsha kule bhokisi. Umqeshi wale bhokisi ke nguye onoxanduva lokhlawula le mali yesixhobo nesitshixo esitsha (khawubuze kumphathi-posi ukuze ufumane ezinye iinkcukacha). Izaziso ezineekhowudi zokuhlaziywa kweebhokisi zeposi, iibhokisi zedilesi kwakunye neengxowa zeposi yabucala zifakwa ngomhla wokuqala kwinyanga yerNkanga yaye kufuneka zibuyiswe ngaphambi komhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yoMqungu kweyona ofisi ikufutshane nomgfaki-sicelo. Umntu usenakho noyikuhlaziya ibhokisi yakhe yeposi ngokuthi afumane iphetshana lesicelo sokuhlaziya elingenakhowudi ukuba uthe walilahla elo linekhowudi ebelithunyelwe. Ukuba umntu uthi angakwazi ukubuyisa iphetshana lesaziso sokuhlaziya eliphuma rhoqo ngonyaka kwanokukhupha intlawulo yokuqesha (xa kuyimfuneka) ngaphambi komhla wamashumi amathathu ananye kwinyanga yoMqungu kuya kukhokelela ekuvalweni kwaloo mbhokisi yeposi. I-Ofisi Yeposi iya kubuyisela iipasile ezifika eposini, ngentlawulo engephi, kubantu abasuka kwenye ingingqi baye kuhlala kwenye ukuba bathi bagcwalise iphetshana lesicelo sokuthunyelwa kwenye idilesi kweepasile eziseposini ze bazithumele kweyona ofisi yeposi ikufutshane nabo. Iinkcukacha Zoqhagamshelwano: Itafile Yeenkcukacha Zemiba Yee-akhawuntiboxrenew@sapo.co.za uNdlunkulu: kwa-497 kwiSitalato iJacob Mare, ePitoli, 0001 iCandelo Elijongene Neemfuno Zabathengi: 0860 086 860 |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
IBhodi yeeLwimi Zabantu Abamnyama |