| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Ukususela kwinyanga kaCanzibe ngo-2003, bonke abasebenzi basemakhitshini abasebenza iiyure ezingaphaya kwama-24 ngenyanga kufuneka babhaliselwe I-UIF. Oku kuquka abasebenza ngamaxesha athile kunye nabo basebenza isigxina. Ukuba abasebenzi basemakhitshini ababhaliswanga kule ngxowa-mali yaye ukuba abaqeshi kunye nabasebenzi basemakhitshini abancedisi kule ngxowa-mali nyanga nganye njengoko kulindelekile, iSbebe leMisebenzi linokunyanzela ukuba bahlawule intywenka eninzi njengesohlwayo. Ukuba umsebenzi wasemakhitshini usebenela abantu abagqithileyo kwisinye, bonke aba baqeshi kufuneka bencedisile kule Ngxowa-mali. Ingxowa-mali le inokunikezela ngezibonelelo ezahlukeneyo
|
IMIYALELO: |
Ukuze uzuze kule ngxowa-mali kufuneka: UKUBHALISA Luxanduva lomqeshi ukubhalisa umsebenzi wakhe wasemakhitshini kwiNgxowa-mali Yokhuselo Lwabangasaphangeliyo. Ungambhalisa uMsebenzi Wasemakhitshini kwi-UIF ngenye yezi ndlela zilandelayo:
Amaphepha Okubhalisa Unokuwafaka amaphetshana esicelo agcwalisiweyo ngokuthi
La maphetshana esicelo asenokuthunyelwa kuwe ngefeksi. Cofa inombolo 086 712 2000 ze ulandele imiyalelo, emva koko amaphetshana esicelo ayakuthunyelwa kuwe. Ukuba la maphetshana uwafumama ngale ndlela, kufuneka uwathumele sele uwagcwalisile ngefeksi kule nombolo 086 713 3000. Ukubhalisa ngomnxeba Ukubhlisa ngekhompyutha UKUNCEDISA NGOKUHLAWULA NYANGA ZONKE Nyanga zonke umqeshi uhlawula uncedisa I-1% yesixa asihlawula umsebenzi wakhe wasemakhitshini kwingxowa-mali le. Umsebenzi wasemakhitshihni naye uhlawula I-1%. Luxanduva lomqeshi ukuqinisekisa ukuba ezi ntlawulo ziyahlawulwa. Ezi mali zokuncedisa kufuneka zihlawulwe phambi komhla we-7 nyanga nganye. Okanye, ezi mali zisenokuhlawulwa ngaphambi kwexesha rhoqo mhlawumbi ngeenyangaq ezi-3, ezi-6 okanye ezi-12. Abaqeshi ababhaliswe ngezizathu zokuhlawula irhafu kufuneka bazenze ezabo iintlawulo kwi-ofisi yeeNkonzo zeNgeniso yoMzantsi Afrika. Abo baqeshi bangabhaliselwanga kuhlawula rhafu kufuneka iintlawulo zabo bazenze ngqo kwi-UIF. Ukuba ungathanda ukwenza iintlawulo zakho kanye ngonyaka kunanyanga zonke, kuya kufuneka uthumele isicelo kwi-annual.upfront@labour.gov.za. Kufuneka ufake nenombolo-mbhalo yomqeshi wakho kulo myalezo. UKUFAKA ISICELO SEZIBONELELO Ukuba ungumsebenzi wasemakhitshini obhalisiweyo kule ngxowa-mali yaye ubusoloko uzikhupha iintlawulo ezifunwayo, unokufaka izicelo zamabango okugula, ukukhulelwa, ukufumana umntwana ngokumcela kubazali bakhe uzikhulisele njengowakho kwakunye nezibonelelo zokuxhomekeka. Xa ufaka izicelo zezi zibonelelo, kuya kufuneka ube:
|
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
|