| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Umthetho I-Occupational Health and Safety Act unika abasebenzi ilungelo lokusebenzela kwindawo esempilweni nekhuselekileyo. Lo mthetho uyala abaphathi ukuba babeke abameli bezokhuseleko kunye neekomiti zokhuseleko kwiindawo zokubenzela. Ukwalawula nezinto ezifana nezindlu zangasese, amagumbi okutshintshela, izixhobo zoncedo lokuqala, amanzi okusela, iindawo zokuhlambela, impahla yokhuseleko, oomatshini, ingqokelela nokuthutha, iileli, umlilo, izixhobo ezingenisa umoya opholileyo, izinga lobushushu, ingxolo kwakunye ne-asbestos.
AMALUNGELO ABASEBENZI EZEMPILO NAWOKHUSELEKO Lo mthetho ungentla apha ukwathi thaca amalungelo abasebenzi, aquka:
Lo mthetho lo ukwathi thaca noxanduva lwabasebenzi nolwabaqeshi. UXANDUVA LWABASEBENZI Umsebenzi ngamnye kufuneka:
UXANDUVA LWABAQESHI Umqeshi kufuneka aqiniseke ukuba indawo yokusebenzela ikhuselekile yaye isempilweni futhi kufuneka angavumeli nawuphi na umsebenzi ukuba enze umsebenzi ongamonzakalisa. Iinkcukacha noqeqesho ngeengozi - abaqeshi kufuneka:
Ukuncitshiswa kweengozi kwiindawo zokusebenzela - abaqeshi kufuneka:
Abameli bezempilo nokhuseleko - abaqeshi kufuneka:
Imigaqo yokumelana neengozi - abaqeshi kufuneka:
Ukunika ingxelo ngeengozi okanye izehlo - abaqeshi kufuneka:
Ezi ngozi zendawo yokusebenzela zilandelayo kufuneka zixelwe kwiintsuku zokuqala ezisixhenxe emva kokuba zenzekile:
Kululwaphulo-mthetho ukungazixeli ezi ntlobo zeengozi. Ukuxela ukonzakala okudinga unyango olukhawulezileyo, umqeshi kufuneka agcwalise iCandelo A kwiphetshana lengxelo u-W.CI.2. Icandelo B leli phetshana kufuneka ligcwaliswe ngugqirha okanye isibhedlele esinyanga lo msebenzi. Umqeshi kufuneka athumele iCandelo A leli phetshana ku: ABAHLOLI BEENDAWO ZOKUSEBENZELA Abahloli beendawo zokusebenzela banomsebenzi okukuqinisekisa ukuba abaqeshi nabasebenzi bayayenza imisebenzi yabo. Abahloli beendawo zokusebenzela banokuzindwendwela iindawo zokusebenzela bahlabe nemibuzo ukufumanisa ukuba indaeo leyo yokusebenzela ikhuselekile yaye isempilweni na. Ukuba umqeshi akayenzanga imisebenzi yakhe, umhloli unokumohlwaya loo mntu ngokumhlawulisa. Ukuba umsebenzi uthe wonzakala emsebenzini ngenxa yokungalandelwa komgaqo wokhuseleko ngumqeshi, oko kuthetha ukuba loo mqeshi unokohlwaywa ngpkuthi ahlawuliswe ze/okanye avalelwe ejele iminyaka emibini. UXANDUVA LWABASEBENZI BEZEMPILO LOKUNIKEZELA INGXELO NGEEMEKO EZINGEKHO MPILWENI EKUSETYENZWA PHANTSI KWAZO Ukuba umsebenzi kwezempilo uxilonga okanye anyange umntu ngesifo acinga ukuba size ngenxa yokuqeshwa kwakhe kuloo msebenzi, umsebenzi wezepilo lo kufuneka anikezele ngengxelo ngaloo mba kumqeshi walo msebenzi nakwiSebe Lemicimbi Yabasebenzi. |
IMIYALELO: |
Ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe ngabahloli beendawo zokusebenzela, qhagamshelana neSebe Lemicimbi Yabasebenzi: PO Box 872, eKapa, 8000 Inombolo Yomnxeba: 021 460 5911 Inombolo Yefeksi: 021 465 7318 |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezabasebenzi (The Government of South Africa) |