| English | | | Afrikaans | | | Malunga | | | Qhagamshelana | | | Uncedo | | | Funa nzulu | |
INKCAZELO: |
Abasebenzi abonzakele okanye abathe bahlaselwa sisifo ngenxa omsebenzi wabo banakho ukufaka ibango lemali esuka kwiNgxowa-mali Yembuyekezo. Iintsapho zabo nazo zinakho ukufaka amabango ukuba umntu obebonelela ngenkxaso nokuphila kwamalungu azo uthe wasutywa kukufa ngenxa yesifo okanye ukonzakala akufumene emsebenzini.
NGUBANI ONOKUFAKA IBANGO LEMBUYEKEZO YOMSEBENZI? Ingxowa-mali Yembuyekezo ihlawulela abasebenzi:
Ungafaka ibango ukuba wonzakele okanye wahlaselwa sisifo ngexa:
Kukho amanqanaba athile omsebenzi ongenakho ukufaka ibango kule ngxowa-mali. Umzekelo, awunakufaka bango ukuba:
Ungafaka ibango ukuba:
Amabango anokuhlawulwa kuphela ukuba angeniswe ngendlela efanelekileyo, ngexesha elikufaneleyo oko. Amabango awasokuse ahlawulwe ukuba:
NGUBANI OFAKA IMALI KULE NGXOWA-MALI? Abaqeshi bafaka intlawulo kube kanye ngenyanga kwiNgxowa-mali yeMbuyekezo. Abasebenzi abahlawuli kwaphela kule kwiNgxowa-mali le. Abaqeshi abanakutsala mali kwimivuzo yabasebenzi ukuzama ukuncedisana nale Ngxowa-mali. KOKUPHI UKWENZAKALA NEZIFO EZIHLAWULWAYO APHA? Ingxowa-mali le ihlawula izifo ezifunyanwa emsebenzini kwakunye neengozi ezifunyenwe emsebenzini. Ezi zifo zifumaneka emsebenzini zizigulo ezenziwa ngamachiza okanye iimeko umsebenzi lowo athe wabe usebenza phantsi kwazo emsebenzini. Ungafaka ibango lembuyekezo ukuba usebenza phantsi kwezi meko ze uhlaselwe sisifo esiza ngqo ngenxa yezo meko. Iimeko nezifo ekusetyenzwa phantsi kwazo ezivela ngenxa yezi meko ezihlawulelwayo yiNgxowa-mali yeMbuyekezo ziveziwe kuSchedule 3 yoMthetho ohambisana noku. Unokulifaka ibango lezinye izifo kuphela ukuba unakho ukunikezela ngobungqina usebenzisa iimpepha neengxelo ezisuka kugqirha okanye esibhedlele ezingqina ukuba isifo eso size ngenxa yeemeko osebenza phantsi kwazo emsebenzini. Ingxowa-mali le ikwahlawulela ukwenzakala okuvele ngenxa yomsebenzi okanye kwindawo yokusebenzela. YINTONI ENOKUFAKELWA IBANGO? Kukho iindidi ezintlanu zembuyekezo:
Ingxowa-mali Yembuyekezo ayiyihlawuleli intlungu nelahleko, ihlawulela kuphela ukulahlekelwa kukushukumisa okanye ukusebenzisa umzimba wakho. Isixa sembuyekezo esiya kuhlawulwa kumsebenzi sixhomekeke ekubeni umsebenzi lowo ebehlawulwa umvuzo ongakanani ukuhlaselwa kwakhe koko kwenzakala okanye ukufunyaniswa kweso sifo. Ukuba ubusele uyekile ukusebenz ngexa kufunyaniswa isifo eso, imbuyekezo iya kwenziwa ngokuthi kuzanywe ukubalwa ukuba mhlawumbi ukuba ubusaphangela ubuya kuhlawulwa malini na. UKUKHUBAZEKA OKWETHUTYANA Yintoni ukukhubazeka okwethutyana? Ukukhubazeka okwethutyana kuxa ungakwazi kusebenza okanye ungenakho ukuwenza wonke umsebenzi wakho ngenxa yokwenzakala okanye isifo kodwa useza kuba ngcono. Ukufaka ibango loku, kufuneka ukhutshwe emsebenzini ngugqirha iintsuku ezigqithileyo kwisithathu. Ukuba ukhutshwe emsebenzini iintsuku ezigqithileyo kwisithathu, uya kuhlawulelwa lonke ixesha ongakwazi kuphangela ngalo (kuquka ezo ntsuku zokuqala zintathu). Uhlawulwa ntoni? Ukuba awunakusebenza konke-konke uya kuhlawulwa i75% (oko kukuthi isithathu kwisine somvuzo wakho wesiqhelo - 3/4). Ukuba unokwenza kuphela omnye womsebenzi wakho, useza kuhlawulwa omnye umvuzo ngumqeshi wakho. Ingxowa-mali le iya kukuhlawula isithathu kwisine okanye i75% (3/4) eyintsalela ephakathi kwesixa osihlawulweyo kwakunye nesixa obunokusihlawulwa ngaphambi kokwenzakala. Zonke iindleko zonyango nazo ziyahlawulwa ukuba ii-akhawunti zinikezelwa kumKomishinala. Unokufaka ibango lexesha elingakanani? Unokufaka ibango lokukhubazeka okwethutyana iinyanga de zibe li-12. Oku kunokongezwa kube ziinyanga ezingama-24. Emva kweenyanga ezingama-24 uMkomishinala unokuthatha isigqibo sokuba imeko isisgxina ze anikezele ngembuyekezo yokukhubazeka isigxina. UKUKHUBAZEKA ISIGXINA Yintoni ukukhubazeka isigxina? Ukukhubazeka isigxina kukwenzakala oknaye isigulo umsebenzi lowo angenakuze aphile kuso, umzekelo, ukulahlekelwa liliso. Ubunzima okanye ubunzulu boko kukhubazeka kuko okuxela ukuba umsebenzi lo akanakuze akwazi kuphinda asebenze okanye kuya kuba nzima kusini na ukuphinda afumane omnye umsebenzi. Izimo zokukhubazeka zithelekelelwa ukusuka ku-100% ukuya ku-1% kuxhomekeke kubunzulu bokukhubazeka oko. Umzekelo, i100% iya kuba kukulahlekelwa zizandla zakho zombini okanye ukulahlekelwa kukubona. Ukulahlekelwa luzwane lwakho oluncinci kukukhubazeka okuyi-1%. Ugqirha wakho uya kubhala ingxelo yezonyango ngoko kukhubazeka. Emva koko uMkomishinala nabanye oogqirha baya kugqiba ekubeni ukukhubazeka oko kunzima okanye kunzulu kangakanani na. Ufumana imbuyekezo engakanani? Ukuba ukukhubazeka oko kungaphaya kokukhubazeka okuyi-30%, uya kufumana umhlala-phantsi nyanga zonke. Ubungakanani bomhlala-phantsi wakho buxhomekeke ekubeni ubufumana umvuzo ongakanani nasebunzulwini bokukhubazeka oko. Ukuba une-100% yokukhubazeka, uya kuhlawulwa i75% (3/4 ) yomvuzo wakho. Ukuba ukukhubazeka akukho nzima okanye nzulu kakhulu, le ndlela ilandelayo iyakusetyenziswa ekufikeleleni kwintlawulo yenyanga nganye: [umvuzo* (75 ÷ 100)] * (ukukhubazeka% ÷ 100). Ukuba ukukhubazeka kungaphantsi kokukhubazeka okuyi-30%, uya kuhlawulwa intywenka yesixa. Imbuyekezo le iya kuhlawulwa ixesha elingakanani? Le ntywenka yesixa yintlawulo enikezelwa kube kanye yonke kube kugqityiwe. Intlawulo yenyanga nganye iya kuhlawulwa impilo yalo msebenzi. IZIBONELELO ZOKUSWELEKA Iukuba umntu obonelela ngenkxaso kusapho lwakho wathi wasutywa kukufa ngenxa yokwenzakala okanye isifo esenziwa lichiza okanye ziimeko zendawo yokusebenzela, unako ukufaka ibango kule Ngxowa-mali. Lingakanani ibango onokulifaka? Isixa sembuyekezo onokusihlawulwa sixhomekeke kubudlelwane bakho nomsebenzi lo ungasekhoyo. Isixa semali esihlawulwa usapho asinakuba ngaphezu komhlala-phantsi umfi lo angewufumene ukuba ubusisithathu somvuzo wakhe wenyanga (3/4). Umlingane womfi uya kuhlawulwa:
Abantwana bomsebenzi abangaphantsi kwe-18 leminyaka ubudala (oko kuquka nabangaphandle komtshato, abacelwa kubazali babo njengamalungu amatsha osapho lwakhe, nabomlingane wakhe) banelungelo lokufumana umhlala-phantsi oyi-20% x 3/4 yomvuzo womsebenzi. Ku kuhlawulwa nyanga zonke de umntwana abe ne-18 leminyka ubudala. Lo mhlala-phantsi unokuqhubekeka ngokuthi wongezwe ukuba umntwana lowo ugula ukhubazeke ngokwasengqondweni okanye ngokwamalungu omzimba. Ukuba akukho mlingane okanye bantwana, abanye abantu abebexhomekeke kulo msebenzi baya kunikwa imbuyekezo(umzekelo, abazali). Ababtu abebexhomekeke ngokupheleleyo kumsebenzi lowo bafumana isixa esilingana nesinikwa umhlokazi. Abantu abebengaxhomekekanga ngokupheleleyo kulo msebenzi bafumana intlawulo enye esixa sixhomekeka ekubeni bebexhomekeke kangakanani na kuye. Umntu ohlawulela iindleko zomngcwabo uya kuhlawulwa iindleko ezifikelela kwi-R6 970. Ukufaka ibango ngokufa kwelungu losapho, kufuneka unikezele ngeziqinisekiso ezigximfiziweyo ezizezi:
IINDLEKO ZONYANGO Zonke iindleko zonyango zomsebenzi lowo ziya kuhlawulelwa de kube yiminyaka emibini emva kosuku lwengozi okanye lokufunyaniswa kwesifo. Zonke iingxelo ngamatyala onyango kufuneka kufuneka zingeniswe kuMkomishinala. Oku kuquka iintlawulo zokuthuthwa komsebenzi owonzakeleyo ukuya esibhedlele okanye ekhayeni lakhe. IMBUYEKEZO EYONGEZIWEYO Njengesongezelelo kwimbuyekezo le iqhelekileyo, unokuyifumana imbuyekezo esisongezelelo ukuba ukwenzakala okanye isifo eso senzeka ngenxa yokungakhathali komqeshi okanye ibe yingxaki nomatshini. Nawuphi na umsebenzi ongaphantsi kwama-26 eminyaka ubudala uya kuyifumana imbuyekezo eyongeziweyo. |
IMIYALELO: |
ULIFAKA NJANI IBANGO?
Umsebenzi nomqeshi kufuneka bazigcine zonke iimpepha ezinezinkcukacha. Xa ingxelo yokuqala kagqirha ingeniswe nengxelo yengozi, uMkomishinala Weembuyekezo uyakuliqwalasela ibango elo ze enze isigqibo. Inombolo yebango elo iya kunikezelwa. Inombolo le kufuneka isetyenziselwe yonke imisebebzi yeempepha enento yokwenza neli bango. Ukuba umsebenzi akavumelani nesigqibo eso, unokufaka isibheno kuso kwiintsuku ezingama-90 ngokuthi angenise iphetshan u-W929 kuMkomishinala. Zonke iimpepha ekufuneka zingeniswe kuMkomishinala zinokuthunyelwa ku: Unokuqhagamshelana noMkomishinala okanye nayiphi na I-Ofisi yomMandla yeSebe leMisebenzi ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe okanye uncedo. Iimpepha zamabango ziyafumaneka kwi: NGUBANI OHLAWULA IBANGO? Umkomishinala Weembuyekezo uqeshelwe ukulawula iNgxowa-mali le ze aphumeze namabango abasebenzi. Umsebenzi ufumana imali kule Ngxowa-mali, hayi kumqeshi. KODWA umqeshi kufuneka ahlawule umsebenzi owonzakeleyo ngeenyanga ezintathu zokuqala emva koknzakala. Ingxowa-mali Yeembuyekezo yona iya kumbuyisela umqeshi emva kwexeshana. Ukuba umsebenzi akaphangeli iinyanga ezingaphezu kwesithathu, uMkomishinala Weembuyekezo ukuthathela kuye ukuhlawulwa kwalo ,sebenzi nyanga nganye. Ukuba umqeshi unamalungiselelo embuyekezo ye-inshorensi ngokonzakala kwindawo yokusebenzela, inkampani leyo anamalungiselelo nayo iya kuyihlawula imbuyekezo. Kwiimeko ezinje, amabango asenziwa yaye alawulwe nguMkomishinala Weembuyekezo. Qaphela: Iintlawulo zamabango zithatha ixesha elide ukuphunyezwa. |
|
ICANDELO LIKARHULUMENTE:
|
Isebe Lezabasebenzi (The Government of South Africa) |