Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
IMIVUZO
Imivuzo yezithuba zemisebenzi yaseburhulumenteni iphantsi kolawulo lweBhunga Elixoxela Abasebenzi Baseburhulumenteni. Xa amanqanaba emivuzo kuvunyelwene ngayo, umsebenzi ngamnye uyavavanywa ze unikwe inqanaba lomvuzo (elikwabizwa ngokuba sisithuba). Umvuzo wesithuba esithile uqhele ukukhankanywa kwisibhengezo seso sithuba somsebenzi.

Umvuzo obhengeziweyo nochaziweyo kwizithuba zemisebenzi eqhelekileyo iqhele ukungazibandakanyi izibonelelo ezifana ezifana noncedo lwezonyango (oko ke kukuthi, ezi zibonelelo ziza ngaphezu komvuzo) kodwa ke kwizithuba zemisebenzi yelona nqanaba liphezulu kusoloko kunikezelwa "ngesithonga" somvuzo esiquka zonke ezi zibonelelo.

Ungawaphendla-phendla amanqanaba emivuzo yabasebenzi baseburhulumenteni:

Imivuzo ilawulwa Yimimiselo ekumthetho iPublic Service Act.
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 28 uAgasti 2007
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo