INkulumbuso uEbrahim Rasool, abaphathiswa: owezemfundo uCameron Dugmore nowokhuseleko loluntu uLeonard Ramatlakane, kunye neqhawe nebhola yombhoxo uBreyton Paulse, baya kuzimasa umnyhadala wokuvuyisana naba bafundi kwiZiko Loluntu laseRocklands, eMtchell's Plain ngoLwesithathu, umhla wamashumi amabini anethoba, ukususela ngentsimbi yesine malanga ukuya kutsho ngentsimbi yesibhozo ngorhatya. Lo mnyhadala ke uya kuquka umbhiyozo womculo owenziwa ziimvumi zalapha ekhayeni, kwakunye nomculo kaPaulse noJohn Pretorius.
INkulumbuso iya kubamba umsitho wephondo ekuseni kwangalo mhla (ukususela ngentsimbi yethoba ekuseni ukuya kuma ngeyeshumi elinanye ngentlazane) kwindawo yayo yokuhlala ukuvakalisa iziphumo.
Kulo msitho emva kwemini, abafundi abaphumelele emagqabini kwizibalo, inzululwazi nezifundo zogcino-zincwadi baya kufumana amawonga awodwa. Abafundi abaphumelele emagqabini eMitchell's Plain naseKhayelitsha bababetha bonke abanye nabo baya kufumana amawonga awodwa.
ISebe Lezemfundo laseNtshona Koloni ligqibe ekubeni basixhase esi sicelo siphuma kwiMitchell's Plain Youth Development Forum, xa kuqwalaselwa indawo kumba wokwakhiwa ngokutsha kweendawo ezisezidolophini, kwakunye neKhayelitsha.
Kukho ithemba lokuba esi siganeko siya kuza nethemba nokhanyiselo kubafundi bethu, sibakhuthaza futhi ukuba baqhubekele phambili nemfundo ze bazuze nezakhono, eziza kubanceda ekufumaneni imisebenz, utshilo uMphathiswa uDugmore.
Kwincwadi yembalelwano ebeyithumela kubo bonke oosodolophu baseNtshona Koloni, ukwacele oomaspala babo ukuba babambe imisitho efana nalo, besenzela abafundi babo abaphume emagqabini kulo nyaka mtsha.
Ukwacele ooSodolophu noomaspala ukuba baqwalasele umcimbi wokunikezela ngeenkxaso-mali zokufunda okanye ke ibhaso eliyimali eziinkozo kumfundi webanga leshumi ophumelele emagqabini ngokubabetha bonke abanye abafundi kuloo maspala, kwakunye ze kunikwe nabo baziphumelele izifundo zezibalo, ezenzululwazi nezogcino-zincwadi kumgangatho ophakamileyo nabasuka kwizikolo ebezisa kuhleleleka.
UMphathiswa uDugmore uthe: "ndikholelwa ekubeni kubalulekile kuthi ukuba sivuyisane ze siwonge abafundi bethu bematriki ze futhi sibabonelele nangamacebo okuqhubela phambili.
"Xa siqwalasela isidingo sokwandisa ngokukhawuleza inani labafundi abaphumelela izifundo zezibalo, ezenzululwazi nezogcino-zincwadi kumgangatho ophakamileyo, sizama ukunikezela amacebo okuqhubela phambili ngeenjongo zokutsala umdla wabo nokuba basebenze ngcono kwezi zifundo."
Ukuba unemibuzo, qhagamshelana noGert Witbooi: 082 550 3938, okanye gwitbooi@pgwc.gov.za.
uGert Witbooi
uSosiba Wecandelo Leendaba
kwi-Ofisi yoMphathiswa Wezemfundo
kwiNtshona Koloni
Inombolo Yomnxeba: 021 467 2523
Inombolo Yefeksi: 021 425 5689
Tyelela iwebsite yethu: http://wced.wcape.gov.za
Western Cape - A Home for All
INtshona Koloni - iKhaya Lethu Sonke
Die Wes-Kaap - 'n Tuiste vir Almal