Cape Gateway
English | Afrikaans | Malunga | Qhagamshelana | Uncedo | Funa nzulu  |
 
Umyalezo ophuma kwiNkulumbuso ngale Krismesi ka-2004
21 uDisemba 2004
UMTHOMBO WEENDABA INkulumbuso yeNtshona Koloni (uRhulumente Wephondo leNtshona Kapa)
Ixesha elisondele kumhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga yoMnga nyaka ngamnye sele laba lixesha lokulungileyo, uxolo, imibhiyozo, usapho nobumbano kuwo onke amaKrestu kwanabo bangengawo amaKrestu. Ngeendlela ezininzi eli xesha sele lijike lalixesha lomntu wonke nelinzulu ekuphilisaneni koluntu kuthi sonke sibonelane sonke ngokuthi sabelane ngezipho kunye neziganeko zokubonelelana. Kubantwana eli lixesha elinobumnandi obungummangaliso.

Iivenkile, izitalato, amabandla, iindawo esihlangana nesisebenza kuzo kwakunye namakhaya ethu azele ziziyunguma, imihombiso nako okumnandi okulindelekileyo. Kodwa ke zonke ezi nzingo zinokuphumela ngaphandle kuphela zigqithe ezo zingabalulekanga nezo zoshishino xa ziba yinkathalo nokwabelana kwethu ngendlela esizinikela ngayo ekwakheni ihlabathi elingcono.

Ukubhiyozelwa kokuzalwa kukaYesu ngamaKrestu kwabo bahlelelekileyo nabangakhathalelekanga kwisitali saseBetelehem kwisithuba seminyaka eziiinkulungwane ezimbini ezadlulayo sisehlo esikhulu ngokungathandabuzekiyo nesingazange sikhokelele nje kwinkolo eyavakalisa iGama lakhe, koko nakumnyhadala wenkolo oyiKrismesi.

Sidlulisa imibuliso ezele ukufudumala kubo bonke abemi beli lizwe lethu abangamaKrestu sibanqwenelela neKrismesi ezele iintsikelelo nolonwabo njengoko nibhiyozela hayi kuphela ukuzalwa, koko nempilo yasemhlabeni yomntwana uKrestu.

Langa eli xesha nesizathu salo zingasinika amandla sonke ukuze sibumbane ngenkxaso kumbono wethu wokwenza iNtshona Koloni Ikhaya Lethu Sonke ngokuthi sikhumbule abahlelelekileyo, abo bangenabantu nabo badingayo.

Masiqinisekise ukuba ngokwenene le iya kuba yiKrismesi emyoli kuthi sonke!Isuka kum - uEbrahim Rasool
INkulumbuso yeNtshona Koloni
 

This content also available in English
UVIMBA-MPEPHA WEENDABA
2008:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2007:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2006:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2005:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2004:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
2003:       uJAN      uFEB      uMAR      uAPR      uMAY      uJUN      uJUL      uAUG      uSEP      uOCT      uNOV      uDEC     
Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 21 uDisemba 2004
South African National Government crest Provincial Government of the Western Cape logo I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe Western Cape: A Home For All logo