INkulumbuso uRasool uthethe neenkokeli zamaRhilikwa nosapho lwalo Kumkani evakalisa uvelwano lwePhondo ngokusishiya kwayo.
INkulumbuso uRasool ithe: " uKumkani lo ubengumntu othobekileyo, ozibophelele kakhulu ebantwini bakhe nakwindima ayidlalileyo kwezembali. Ubesoloko esebenzela abantu bakhe, nkqu nangexesha ebesele aluphele akazange ayeke ukuya kumaBhunga eeNduna, kananjalo engazange ayeke nokukhokela (abantu bakhe).
"Amanye kumagalelo akhe amakhulu, ngalawo awenze kwiminyaka yakhe yokuphila yamva. Ngo-1995 wayeyintloko emele amaRhilikwa kwindibano eyayiseSwitzerland yeGqiza leZizwe eziManyeneyo eyayimalunga namaLungelo oLuntu oluyiNzalelwana yeli. Kanti ke wakhokela neendibano zothethathethwano kunye noRhulumente ukususela ngo-1997, luthethwano olo olwakhokelela ekubeni kubekho iNkomfa yamaKhoi San yeSizwe ngo-1999 kwatsho kwanda nokuqwatshelwa kwamaRhilikwa, amaNama kunye namanye amaKhoi namaSan.
"Ukumkani wesibini, ule Fleur wayesisixhobo sothethwano norhulumente wamaFrentshi, into ke leyo eyakhokelela ekubuyisweni kweentsalela zamathambo kaSara Baartman.
"UKumkani wesibini ule Fleur wayeyiqonda imfuneko yokwenza ibango lezinto zobuni nobuzwe bakhe zamandulo. Ifuthe lenkqubo yokuthinjwa kwemihlaba neyocalu-calulo nokucalulwa kaBantu bokuQala beli Phondo kunye neminombo yabo alinakulinganiswa nanto. Ngenxa yoku ke, le minombo inendima ebalulekileyo eyidlalayo yokusidibanisa nembali yethu njengabantu bokuqala base-Afrika kwaye iyasimanya sibe nengqiniseko nethemba lekamva elizayo. Kufuneka sakhe iKhaya loMntu Wonke elisekeke kwintobeko, ubulungisa nasekubandakanyeni wonk' ubani."
URhulumente wePhondo kunye neenkokeli zamaRhilikwa uya kunxibelelana nosapho ukuze kwenziwe amalungiselelo omngcwabo ale Kumkani. Oku kuya kube kwaziswe ekuhambeni kwethuba.
Ukuba uneminye imibuzo, nceda utsalele uRedi Direko ku-082 805 9119 [rdireko@pgwc.gov.za].
The Western Cape - A Home for AllINtshona Koloni - iKhaya loMntu wonke
Die Wes-Kaap - 'n Tuiste vir Almal