
Ingaba unamntu umaziyo owakha wenza umsebenzi obalaseleyo okanye owakha wenza into ebalulekileyo eyenzela iimfuno zeNtshona Koloni kulo nyaka uphelileyo?
Umthetho iWestern Cape Honours Act ka-1999 ukwenza ukwazi ukutyumba ummi wePhondo leNtshona Koloni, okanye ummi wangaphandle, owenze umsebenzi ophum'izandla nokuba wenze inkonzo engenachaphaza, oko ekwenzela iPhondo eli, uya kuthiwa jize ngembasa.
Kuya kukhutshwa ezi Mbasa zePhondo zilandelayo:
| Umnqamlezo Wegolide Wentshona Koloni | Ngomsebenzi obalaseleyo | |
| Imbasa Ye-Disa INkumanda: IGosa: ILungu: | Ngenkonzo ePhum'izandla Ngenkonzo eBalaseleyo Ngenkonzo eNtle | |
| Isiqinisekiso Soncomo Senkulumbuso | Ukuncoma kubekwa abantu abathe bakhuthaza abanye ngendlela abaziphethe ngayo engenagxeke. Kuya kugxininiswa isikakhulu kulutsha. | |
Ungatyumba abantu asele bephumeze izinto ezibonakalayo kumacandelo afana naweteknoloji, imizi-mveliso, amashishini, imisebenzi, ezemfundo, uphando, imidalo, ubugcisa, ubunkokeli kwezolutsha kwakunye nakwiinkonzo zoluntu.
Isigqeba seeNgcebiso siso esiya kuwaqwalasela onke amagama aphakanyisiweyo zinike nenkxaso yaso kwiNkulumbuso kwanakwiKhabhinethi yePhondo ukuze ibe yiyo eyenza isigqibo.
Nika izizathu zokuba utymbe lo mntu ungedluli kumaphepha amabini uze uzithumele ungekadluli umhla wama-29 ku-Oktobha 2004 kunye neenkcukacha zakho zoqhagamashelwano ndawonye nezo zomtyunjwa kule dilesi:
The Secretariat: Western Cape Provincial Honours
PO Box 560, Cape Town, 8000
okanye thumela ifaksi yakho ku: 021 483 3358.
Ukufumana ezinye iinkcukacha okanye qhagamshelana naba bantu balandelayo-:
Adv. Dirk Brand
Ifowuni: 021 483 4446
dbrand@pgwc.gov.za
Ifowuni: 021 483 8609
cjoelson@pgwc.gov.za